Abantu bayabongozwa ukuba basebenzise iinombolo zemfonomfono ezibhaliswe phantsi kwamagama abo xa befaka isicelo sesibonelelo seSRD.
Image: Sassa / Facebook
ISouth African Social Security Agency (SASSA) ibongoza bonke abafaki zicelo besibonelelo seR370 (SRD) ukuba basebenzise iinombolo zemfonomfono ezibhaliswe phantsi kwamagama abo xa befaka isicelo sesi sibonelelo.
NgoLwesine kwingxelo, iSASSA ithe inombolo yomnxeba kunye neenkcukacha zebhanki zizinto ezibalulekileyo kwiinkqubo zokufaka izicelo.
"Bonke abafake izicelo kunye nabaxhamli kufuneka baqonde ukuba ukusebenzisa iinombolo zabo zefowuni kuya kunceda ekubekeni iliso, ukujonga inkqubela yesicelo kunye nokufumana izaziso ezivela kwaSASSA ezinokufuna ingqalelo yomfaki sicelo okanye umxhamli," ifundeke yatsho ingxelo kaSASSA.
Iqhubekile yathi ezi zaziso zibandakanya imiyalezo yokwenza inkqubo yokuqinisekisa. "Ngaphandle kokusebenzisa inkqubo yokuqinisekisa isicelo asizukuphumelela kwaye akukho sibonelelo siya kuhlawulwa," itshilo iSASSA.
I-SASSA ithe inkqubo yokuqinisekisa iqinisekisa ukuba isibonelelo sihlawulwa kumntu ofanelekileyo kwaye le nkqubo incedisa ekulweni izenzo zobuqhophololo.
"Xa iinkcukacha zebhanki ingezizo ezomfaki sicelo, intlawulo ayizukuphumelela. Zakuba ziqinisekisiwe iinkcukacha zebhanki, isibonelelo siya kufunyanwa. Ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwisicelo sakho, kufuneka ninike iinkcukacha ezichanekileyo."
Ukwenza isicelo sesi sibonelelo ndwendwela apha: https://srd.sassa.gov.za, ukufumana ulwazi oluthe vetshe tsalela le nombolo: 0800 60 10 11 (ifumaneka ngeeyure zokusebenza ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.)