Ugwetyiwe umfana ohlabe wabulala ixhego ngenxa yotywala.
Image: Shutterstock
Ukwabelwa kwabafana abasebatsha utywala obuncinci esicini kwaphuma nexhego, 74, elinye elahlatywa labulawa kwilali yakwaMadlutshana, kwaNgadla, kuGatyane, lihlatywa nguAviwe Dambile, 29.
Oku kuza emva kokuba kweyeSilimela kunyaka ophelileyo ngo2024, uDambile wayesesicini elalini kwakunye nexhoba apho kwavuka khona ingxabano, uDambile ekhaba iibhiya ezazabelwe amaxhego kuba esola amaxhego ukuba babanika utywala obuncinci bengabafana.
UDambile waye wagxothwa esicini, wemka wabe enomsindo kwinginginya yamaxhego waphuma nexhoba, eligrogrisa esithi uza kulibulala.
Ngokwengxelo yeNPA, emva kweveki kwenzeke le nto, ixhego lalikwantombi yalo eyayifika ivela eKapa kuselwa kwakhona. Xa ligoduka ixhego, lalandelwa nguDambile walihlasela, elibetha ngenduku de yophuka wangena ngemela emhlaba wabhubha.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi uDambile waya kwikhaya lexhego wafika wabaxelela ukuba umgqibile watsho ebaxelela ukuba umzimba wexhego uwubeke ndawoni.
UTyali uthi usapho lwexhego lwafika kwindawo ebelikhonjwe kulo ngumrhanelwa umzimba wogqunywe ngesilamba.
UDambile wabanjwa ngosuku olulandelayo ekowabo.
INkundla yamaTyala yakuGatyane iye yamgweba ubomi engaphakathi ejele uDambile emva kokumfumana enetyala lokubulala.
UTyali uthi iNPA iyasamkela esi sigwebo sinikwe okaDambile.