Iindaba

Kufunyenwe inkosikazi ibulelwe yanyengezwa emangcwabeni aseLusikisiki

Abongile Ginya|Published

Inkosikazi ifunyenwe ibhubhile emangcwabeni eLusikisiki.

Image: vyasphoto / iStockphoto

AmaPolisa aseLusikisiki ahlab’ ikhwelo kuluntu lwala mmandla neziphaluka olulahlekelwe ngumntu lutsalele isikhululo saseLusikisiki.

Oku kuza emva kokuba kubhaqwe umzimba wenkosikazi eqikelelwa kuma30 eminyaka ubudala eNew Town emangcwabeni akufuphi nehlathi.

Ixhoba elibhaqwe libhubhile, lineedredzi entloko kwaye liyakhanya ngokombala. 

UCaptain Welile Matyolo uthi kubonakala ukuba ukrwitshiwe, unemikrwelo nasezingalweni kwaye kwafunyanwa nekhondom ecaleni komzimba wakhe.

Uluntu luyabongozwa litsalele eLusikisiki intloko yabecuphi uKufa ku083 427 9656. 

Uphando lwesi siganeko luyaqhuba.