UMvuseleli Mboxwana (29) ugwetywe ubomi entolongweni emva kokufunyanwa enetyala kwizehlo ezibini zokudlwengula eGcuwa.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Inkundla yengingqi yamatyala eGcuwa imgwebe ubomi uMvuseleli Mboxwana (29) emva kokuba imfumene enetyala lokuxhwila nelokudlwengula intokazi awayethandana nayo (23) yaphinda yadlwengula intokazi (33) ethandana netshomi yakhe.
UMboxwana ngaphezulu kwesi sigwebo ukwanikwe iminyaka esibhozo kuba wophula imiqathango yesithintelo senkundla esaziwa njengeProtection Order ngabula makhumsha, nekwakuthwe angaze asondele ngakowayethandana naye.
Ezi ziganeko zokudlwengulwa kwala makhosikazi zenzeka ngomhla wama22 kuCanzibe walo nyaka nangomhla wama28 kweyeKhala kumatyotyombe asePhumlani ngakwidolophu yaseGcuwa.
Ingxelo yeNPA ithi uMboxela wadibana endleleni nentokazi awayethandana nayo isuka elonwabeni, wayinyanzela ekubeni baye endlini yakhe emvulele imela embetha, wafika wamdlwengula emphindaphinda ubusuku, logama enesikhuselo senkundla ngakuye.
Ingxelo yeNPA iqhuba ithi kusuku olulandelayo, ixhoba lavuka, lakwazi ukuzimela, labaleka layokuxela emapoliseni emva koko lasiwa eThuthuzela Care Center layokufumana uncedo.
Ixhoba lakhe lesibini wangena kwikhaya lalo ezenza othunywe ngutshomi wakhe, nowangena wabe sele enyanzela ngenkani ixhoba ekubeni likhulule walidlwengula, umntwana wexhoba wade wothuka wabukela umama wakhe ehlukunyezwa.
Ixhoba lavuka lachaza koomakhelwane wayovula ityala nalo lasiwa eThuthuzela Care Centre eGcuwa.
UMboxwana waye wakhangelwa wabanjwa kumatyotyombe aseNew Rest eGcuwa.
Ngethuba kuqhuba ityala lakhe wazithethelela wathi akanalo ityala esithi ebekumzala wakhe ngethuba kusenzeka ezi ziganeko zokudlwengulwa kwamxhoba.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi iNPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaMboxwana.