ULinamandla Buhle Xhosana odukileyo.
Image: SAPS
AmaPolisa aseNgcobo abongoza intsebenziswano kuluntu luncedisane nawo ekufumaneni intwazana edukileyo uLinamandla Buhle Xhosana (19) waseLuhewini eXuka.
UCaptain Yolisa Mgolodela uthi uXhosana ugqityelwe ngomhla we11 kule nyanga ze wayokuchazwa emaPoliseni ngomhla we13 akuba engabuyanga.
UMgolodela uthi intwazana yagwityelwa inxibe iimpahla ezimbala umnyama, ilokhwe nezihlangu kwaneqhiya emnyama.
Uthi iinzame zenziwe zokukhangela uBuhle akafumaneka kwaye kusaqhutyekekwa nokhangelo.
Lowo unolwazi ubongozwa ukuba atsalele uCommander Lieutenant Colonel Thembelani Mfundisi ku082 441 8433. Kwaye oze nolwazi uza kukhuseleka.
I’solezwe lesiXhosa lizenzile iinzame zitsalela usapho lukaXhosana kodwa ngaphandle kwempumelelo.