Abemibutho yezoPolitiko kwanabemibutho engenanto yakwenza norhulumente phambi kwenkundla yaseMonti ngoLwesine bezokukhaba ukuba anganikwa bheyile umrhanelwa.
Image: Abongile Ginya
Emva kosuku olude lwangoLwesine kuqhuba ityala, le nkosikazi nengusekela nqununu wesikolo iSinomonde Primary School, ngethuba kuxoxwa ngesicelo sayo sebheyile malunga nezityholo ejongene nazo ezilishumi, ngokudizwa lixwebhu lwenkundla, ityala lakhe lihlehliselwe uLwesihlanu (ngomso) ukuze kuqukunjelwe isicelo sakhe sebheyile.
Lo titshalakazi, nogama linguVuyokazi Gana (52) noyinzalelwane yaseNgqamakwe, uvele okokuqala ngoLwesine weveki ephelileyo emva kokubanjwa kwakhe ziiHawks esemsebenzini wakhe.
INkundla ifunde umqulu wesicelo sebheyile sikaGana, apho uGana acele inkundla ukuba imnike ibheyile ngenxa yemeko yempilo yakhe engentlanga. UGana unezigulo anazo ezichazwe enkundleni nezidinga uhoyo ngokukhawuleza nanjengoko oogqirha bakhe bengaphandle.
Ocupha ityala, uLt Colonel Nangamso Ndawule, uthi akasiboni isizathu sokuba ayinikwe ibheyile uGana kuba ayimfanelanga ngenxa yesenzo esinobuzaza.
UNdawule uthi le nkosikazi ithi kumaxhoba kukho nelisuka kwiilali zikaGana kungoko esithi uyingozi ebantwaneni.
UGana ubuyele ngaphakathi eziseleni.
Ityala liza kuqhubekeka kusasa uLwesihlanu eMonti ukuva ukuba uyayifumana kusinina ibheyile.