Iqela labafundi beSikolo samaBanga aPhakamileyo saseMilnerton banikwe ibheyile.
Image: Facebook
Bakhululwe ngebheyile yeR2000 abafundi abathandathu kwabasibhozo besikolo samabanga aphakamileyo saseMilnerton ababebekwe izityholo zokubetha emva kokuhlasela ngokungenalusini omnye umfundi.
Aba bafundi bavele kwinkundla kamantyi eKapa ngoLwesine.
Esi sehlo, nesirekhodiweyo kwaye ividiyo sele isasazeke kumakhasi onxibelelwano, sidale isankxwe nalapho uninzi lufune isohlwayo esiqatha.
Le vidiyo iphazamisayo ibonisa inkwenkwe eneminyaka eli16 ubudala ibethwa, iqhwatywa, kwaye ithotywa isidima liqela labafundi ekutyholwa ukuba ngabadlali bombhoxo kwiqela lombhoxo lesi sikolo iMilnerton High School.
IGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eNtshona Koloni lithi abamangalelwa abathandathu, abaneminyaka eli18, bajongene namatyala asibhozo okubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.
Baye bakhululwa ngebheyile yeR2000 umntu ngamnye.
Isithethi seNPA, uEric Ntabazalia, uthi abarhanelwa ababini abasebancinci ngokweminyaka bavele kwinkundla eyahlukileyo.
Omnye wabo wavavanywa waza wakhululwa ngesilumkiso, ngoxa omnye wakhululwa wanikezelwa kubazali bakhe.
I-NPA ithe uza kuvavanywa ngomso.
"Umbuso awukhange uyichase ibheyile nanjengoko abatyholwa benedilesi ekudala beyisebenzisa, abanazigwebo zangaphambili, abanaziqinisekiso zokubanjwa okanye amatyala alindelwe ukuxoxwa."
Imiqathango yebheyile yabo ibandakanya:
I-NPA ithe iifowuni ezintlanu neephini zanikezelwa enkundleni.
"Ifowuni enye kunye nephini azikangeniswa kwaye kufuneka zingeniswe kwigosa eliphandayo kwiiyure ezingama24."
Abatyholwa baya kufundela ekhaya, kwaye iSebe lezeMfundo eNtshona Koloni libanike enye indawo yokubhalela iimviwo.
Ityala lihlehliselwe umhla wama20 kweyoMqungu ka2026 ukuze abamangalelwa babhale iimviwo.
Kule veki, abazali babambe uqhankqalazo kwesi sikolo, uninzi lusithi ayisosehlo sokuqala esi kwaye isikolo siyazazi iziganeko zokuxhatshazwa kwabafundi.