Iindaba

Izinikele emapoliseni indoda ehlabe yabulala isithandwa ngenxa yesikhwele

Abongile Ginya|Published

Indoda yakwaNotintsila ihlabe yabulala intokazi yayo ngenxa yesikhwele.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Yindoda yakwaNotintsila eNgqeleni ehlabe yabulala intokazi ebithandana nayo emva kokuba le ndoda ibityhola ngelithi ayithembakali le ntokazi nephele kuxatywanwa yamhlaba wabhubha.

Ngokwengxelo yamaPolisa aseMthatha, oku kwenzeke ngoLwesibini kule veki emva kwezithuba zentsimbi yesibini emini kwilali yakwaNotintsila.

UCaptain Welile Matyolo uthi indoda (32), emva kokuba yenze esi sehlo ngoLwesibini iye yayokuzinikela ngokwayo kwisikhululo saseNgqeleni.

UMatyolo uthi uye wavalelwa nalapho alindeleke ukuba avele phambi koMantyi ngoLwesithathu malunga netyala lokubulala.

UBrigadier Vukile Ntuli usikhalimele esi senzo esithi asamkelekanga kwiindawo zethu zokuhlala apho abantu abangoomama bebulawa ngabona bantu babathembisa ngokubathanda nokubakhusela. UNtuli uthi oku makuphele.