Iindaba

UMchunu uthi uyamazi uMogotsi kodwa uyabuphika ubudlelwana bakhe noMatlala

Mayibongwe Maqhina|Published

Umphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uqhubekile nobungqina bakhe phambi kwekomiti yasePalamente.

Image: Zwelethemba Kostile / Parliament of RSA

Umphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu ngoLwesibini uqinisekise ukuba uyamazi usomashishini waseMntla Ntshona, uBrown Mogotsi, njengeqabane kodwa waphika ukuba uyamazi okanye wakhe wadibana noVusimuzi “Cat” Matlala ongumtyholwa kwityala lokuzama ukubulala.

Enika ubungqina phambi kwekomiti yasePalamente ephanda ngezityholo zobuqhophololo nokungenelela kwezopolitiko kwinkqubo yezobulungisa ngoLwesibini, umphathiswa uthe wayemazi uMogotsi ukusukela ngo2017 njengeqabane.

"Andizange ndambuza ukuba utshatile na okanye akatshatanga, andizange ndiye kwakhe, andizange ndikhe ndiyibukele ibhola ekhatywayo naye, kwaye andizange ndibuze ngobomi bakhe kuba simane sincokola nje pha napha," utshilo.

Ngaphambili, uMchunu ufune ukucacisa intetho yakhe awayenzayo ngoMogotsi kwindibano yeKomiti yeMicimbi yamaPolisa ngomhla wesihlanu kweyoKwindla.

Kwakuloo ndibano inye, uMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi wathi osebenzela uMchunu njengentloko yabasebenzi, uCedrick Nkabinde, wamxelela ukuba [uMchunu] usondelelene kakhulu noMogotsi.

Umphathiswa uthe ukhe wabuzwa ukuba uyafuna na ukuhlomla kwaye wathi kweza umntu obanga ngelithi kukho umntu ohamba esithi uyamazi.

UMchunu uthe lo mntu akazange achaze ukuba ngubani lo mntu, koko ebebalisa nje.

Uthe umntu aye wamkhanyela ngokumazi ayingoMogotsi. "Akukho ndlela endinokuthi ndixoke ngayo."

UMchunu woleke ngelithi ukhe wayithetha into yokuba kukho umntu ojikeleza esithi ungumninawa wakhe.

"Andinaye ubhuti omncinci kuba wabhubha ngo2005," utshilo.

Wongeze ngelithi, ulumkise ikomiti ukuba ilumke xa amagama echazwa kwaye wachaza ukuba uMogotsi liqabane lakhe, ngokuchaseneyo nebango likaMkhwanazi lokuba lihlakani lakhe.

"Ndithe lo mntu akalohlakani lam, liqabane nje," utshilo ngaphambi kokuba achaze indlela aqonda igama elithi ihlakani.

UMchunu ukwathe ngethuba uMkhwanazi ethetha noonondaba ngomhla wesithandathu kweyeKhala, wayewajija amazwi akhe ukuze ahambelane nenkolelo yakhe yokuba [uthe] akamazi uMogotsi.

"Ngethuba uNjengele Mkhwanazi esenza intetho yakhe ngomhla wesithandathu kwinyanga yeKhala, uxelele uluntu into ayijikileyo. Uthi umphathiswa uMchunu uthe akamazi uBrown Mogotsi ePalamente, nto leyo endingazange ndiyithethe kwikomiti, ndathi akalohlakani lam."

Umphathiswa ukukhanyele ukuba uye wadibana noMogotsi eLusikisiki ngethuba etyelele le ndawo emva kwesiganeko sokudutyulwa kwabantu nalapho uMkhwanazi ethe uMogotsi wamxelela ukuba ukunye nomphathiswa apho.

"Andikhumbuli ndibona uMogotsi eLusikisiki. Kungadlalwa umabonakude ukuze kujongwe ubuso bakhe. Ebeza kubonwa ngumntu phaya," utshilo, watsho esithi uMogotsi kusenokwenzeka ukuba ubhalele uMkhwanazi umyalezo ehleli kwakhe, nanjengoko ukufika kwakhe [uMchunu] kwasasazwa [kumabonakude].

Nangona kunjalo, inkokheli yobungqina oyintloko uAdvocate uNorman Arendse uthe kuza kubakho ingqina eliza kunika ubungqina bokuba uye wadibana noMogotsi kunye noMatlala, owayexhasa unyana wakhe.

UMchunu uthe zange adibane noMatlala eyedwa okanye ekunye noMogotsi.

"Akangomntu endithethe naye ngqo. Andimazi."

Umphathiswa uthe weva ngoMatlala kweyoMnga xa uMkomishinala kaZwelonke uFannie Masemola emazisa malunga nethenda yeenkonzo zempilo awayinikwa yiSAPS.

Ebuzwa ngendlela awayifumana ngayo iafidavithi esuka kuMatlala kwinyanga yoMsintsi ngelixa ekwintolongo iC-Max, uMchunu uthe wayifumana kumagqwetha akhe.

"Bathe bancokole namagqwetha kaMatlala ngexesha labo nangendlela yabo.

"Bathe bayifumene kumagqwetha kaMatlala," utshilo, esongeza ngelithi amagqwetha akhe amnike iafidavithi malunga neentsuku ezimbini ezidlulileyo.

"Andikuqhathi okanye andidlali. Andizange ndadibana noMatlala. Andizange ndimbone ngeliso lam lenyama."