USisanda Noxojini (23) ubulewe ngobusuku bangoLwesihlanu ePhilippi East.
Image: Uthunyelwe
Iintsapho zamadoda amane kwasixhenxe adutyulwe abulawa ePhilippi East ngobusuku bangoLwesihlanu zicela uncedo lwemali ukuze kubuyiselwe imizimba yala madoda eMpuma Koloni.
Amaxhoba, uMaphelo Msuthu, 28, Sanele Mkizwana, 31, Sisanda Noxojini, 23, nabanye abane, babhubhele kwingingqi yaseBetter Life eseRoad 53.
Bashiye amakhaya abo eMpuma Koloni besiya kufuna umsebenzi, ngethemba lokuba baza kubeka ukutya etafileni ngokusebenza kwinkampani yeinshorensi.
UMsuthu, inzalelwane yaseFlagstaff, bekungekapheli nenyanga eseKapa, logama uNoxojini ebelapha kule dolophi iinyanga ezintathu emva kokuba emkile eLusikisiki.
UNtombekhaya Msuthu, osisizalwane sikaMaphelo noSanele, uchaze intlungu yosapho.
"UMaphelo waqala wasebenza eMatatiele esebenzela i-IFA emva koko wafudukela eKapa nale nkampani inye. Sivile ngokudutyulwa kwakhe ngomntu waseThekwini osebenzela le nkampani (IFA), owasazisa ukuba uMaphelo nomzala wam uSanele babulewe. Asiyazi ukuba kwenzeke ntoni, sisebumnyameni, akukho zinkcukacha zibambekayo," utshilo.
UMaphelo Msuthu, ubekwiKapa ixesha elingaphantsi kwenyanga ngethuba ebulawa ePhilippi East.
Image: Uthunyelwe
Wongeze ngelithi usapho khange lukwazi ukulala oko luxelelwe ezi ndaba.
"Bonke aba bafana bebethobeke ngenene, asizange sive kusithiwa kukho ingxaki eze nabo. UMaphelo ngutata wabantwana ababini abancinci. Abane kumaxhoba asuka kwilali yethu, into esihluphayo kukuba asinayo imali yokuzisa imizimba yabo eMpuma Koloni. Besibambe iintlanganiso sijonga ukuba siza kuyenza njani loo nto kuba bebengenazo ii-inshorensi," utshilo uNtombekhaya.
Umakazi kaNoxojini, uNoxolo Mvalelwa, uthethe kamnandi ngaye, embiza ngokuba “ngumntu onobubele nonentlonipho” nobelukhathalele kakhulu usapho lwakhe nomntu ebehoye abantwana.
"Isothuse kakhulu into yokubulawa kwakhe ngolu hlobo. Kusengathi liphupha elibi nangoku, kunzima ukuyamkela yonke le nto. Ndithathe isigqibo sokuzikhwebula kumakhasi onxibelelwano kuba abantu bathetha izinto ezimanyumnyezi ngaba bafana," utshilo.
Emva kwesiganeko sokudubula, amapolisa eNtshona Koloni aqalise uphando ekhangela abarhanelwa ababangela esi sehlo.
Abacuphi abasuka kwicandelo leSerious and Violent Crimes kwiPhondo balandela lonke ulwazi olukhoyo ukuze bafumane baze babambe abo banetyala.
UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General (Adv.) Thembisile Patekile, uvakalise inkxalabo ngezinga eliphezulu lobundlobongela waze wacela uncedo kuluntu.
"Intsebenziswano yoluntu ibalulekile ekuqinisekiseni ukuba abenzi bobubi bayabanjwa kwaye kubuyiselwe ukhuseleko kwiindawo esihlala kuzo," utshilo uPatekile.
Nabani na onolwazi ngesi sehlo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane neCrime Stop ku08600 10111 okanye asebenzise iMySAPS App. Lonke ulwazi luya kuphathwa ngemfihlo engqongqo.
Ukuba kukho onqwenela ukufaka isandla ancede ezi ntsapho, angatsalele uThandeka Mzondi ku063 928 5949 kunye noMvalelwa ku073 215 2227.