UMphathiswa weMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade.
Image: Abongile Ginya
Baza kube beqala ngephepha lekhompuytha kusasa ngomso uLwesibini abafundi bakaGrade 12 xa beza kube bechophele iimviwo zabo zokuphela konyaka ka2025.
Kulo unyaka iSebe lezeMfundo libhalise abafundi abayi108 311 abasisigxina ze babayi13 719 abangesosigxina nto leyo yenza lilonke inani labafundi baseMpuma Koloni ababhalayo babeyi122 030.
UMphathiswa weSebe, uFundile Gade, uthi zonke izinto zime ngobume nanjengoko sele likulungele ukuthwala abatwana eli Sebe. Uthi kungokuba la malungiselelo ezi mviwo aqale kusengethuba kwangenyanga yoKwindla ka2025.
UGade ebethetha noonondaba ngala malungiselelo ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo eHumansdorp.
Amaziko aza kube echophele iimviwo eMpuma Koloni ayi1086. Ahamba kanje: Izikolo zika wonke-wonke ziyi900, ezizimeleyo ziyi54, ezinabantwana abakhethekileyo ziyi11, iijele zimbini ze amaziko abo babhala bengosisigxina ayi119.
UGade uqhube nengxelo esithi, abagadi nabaza kube begade abantwana xa bebhala kula maziko bayi 967 bebonke kwaye baye baqeqeshwa kwaye ngoku sele bebekiwe nakwizikolo abaza kugada kuzo futhi sele betyikitye nesivumelwano.
ISebe kulo unyaka lithi ligxeleshe umyinge ka87%. Kwiziphumo zeklasi ka2024 belifumene umyinge ka84.9%.
Kwiveki ephelileyo ngoLwesine, kwindibano ebiseMandla Makhuphula Institution eStirling, eMonti, iNkulubaphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane ngethuba ethetha noonondaba yena uthe ugxeleshe umyinge ka90% kwiziphumo zalo unyaka.
UMabuyane watsho enqwenelela nabantwana abaza kuchophela iimviwo zokuphela konyaka. UGade unqwelele aba bafundi ikamva elihle watsho esithi eli lithuba labo kokuba bazigqamise.