Indoda yaseMthatha igwetywe ubomi ingaphakathi ejele.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Iza kuchitha ubomi bayo bonke ejele indoda (45) yelali yakwaTshemese eMthatha emva kokuba iNkundla yeNgingqi yamaTyala yaseMthatha imfumene inetyala lokudlwengula ngokungenalusini unkosikazi wayo ekwenza oko intwazana yabo eselula kakhulu ngokweminyaka ibukele.
Ngokwengxelo yeNPA ithi, esi sibini besihlala nabantwana baso abathathu (3) kwaTshemese, kwaye banembali yokungaphathani kakuhle into eyaziwa ngokuba yiGBV, de wabe unkosikazi ngo2022 wayokufaka isicelo sokhuseleko, iprotection order, ngabula makhumtsha.
Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ngomhla wokuqala kweyoMqungu ka2023, umyeni wayenxilile wacela unkosikazi wakhe ekubeni ayokumlalisa kwelinye igumbi nanjengoko babengasalali gumbini linye. Iqhuba ithi, unkosikazi zange avume wabanomsindo umyeni waphuma wabuya sele ephethe umhlakulo nawaye waqhaqha ngawo ucango lwegumbi umfazi awayezivalele kulo nomntwana wabo wesithathu omncinci.
Ekungeneni kwakhe lo myeni wabetha lo mfazi ngomva womhlakulo nowafumana amanxeba anobuzaza entloko. Emva koko wadlwengula umfazi wabe umntwana ebukele. Umntwana wazama ukungenelela enqandela unina naye wabethwa ngutata wakhe.
Ingxelo iqhuba ithi, umyeni waye wabanjwa kwaye ityala waliphika phambi kwenkundla futhi engabonakalisi kuzisola ngesenzo sakhe.
Inkundla yamfumana enetyala yamgweba ubomi. Umfazi wafumana unyango nololuleko kwiziko lamaxhoba eGBV eThuthuzela eMthatha.
UBarry Madolo, noyiNtloko kwezoTshutshiso eMpuma Koloni, usamkele esi sigwebo watsho encoma nokuzinikela koogxa bakhe kumsebenzi wabo kwanokuqinisekisa ukuba umthetho uyawalwela amaxhoba.