Iindaba

Ushiyeke eziseleni usekela nqununu otyholwa ngokurhwebesha amantombazana kwishishini lezesondo

Abongile Ginya|Published

Usekela nqununu wesikolo iSinomonde Primary eSanta eMonti ebanjelwe ukurhwebesha amantombazana ngezesondo.

Image: Hawks

Inkundla yaseMonti imbeke amatyala alishumi usekela nqununu wesikolo iSinomonde Primary School saseMonti otyholwa ngokuba neshishini lokurhwebesha amantombazana aselula kwishishini lezesondo eliseQuigney.

Lo sekela nqununu ubanjwe ziiHawks esikolweni sakhe ngoLwesithathu wale veki ze wavela okokuqala phambi koMantyi ngoLwesine nalapho ashiyeke ngaphakathi eziseleni. 

Isithethi seeHawks uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi le nkosikazi, ena52 ityholwa ngokurhwebesha amantombazana iwathatha eMthatha, Ngqeleni, nakuQumbu, ze iwazise kwishishini layo lezesondo eMonti.

UMhlakuvana uthi kolu shishino ixabiso ngobusuku beliqala kwimali eyiR250 ukuya kwiR300, imali ibixhomekeka kwigumbi elo.

Ngokwexwebhu lwenkundla, liveze ukuba amaxhoba ebesenziswa lo mkhuba mathandathu (6) kwaye aphakathi kweshumi elinesithandathu (16) ukuya kumashumi amabini anesithathu (23) ngokweminyaka ubudala.

Uxhwebhu lwenkundla likwaveze nedilesi nesitalato yendawo eliqhutyelwa kulo eli shishini neyindawo eyaziwa kakhulu luluntu eseQuigney.

Ushiyeke ngaphakathi eziseleni nazakubuyela kuLwesine weveki ezayo kwakhona phambi koMantyi nekulapho aza kube efaka isicelo sebheyile.

Imifanekiso yale nkosikazi sele indanda kumakhasi onxibelelwano nalapho kwenye anomfaneleko enxibe impahla yecawe.