UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu kulindeleke ukuba anike ubungqina phambi kwekomiti yasePalamente ephanda ngokungenelela kwezopolitiko emapoliseni.
Image: GCIS
NgoLwesine uMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uza kunika elakhe icala malunga nokuchithwa kweqela lePolitical Killings Task Team (PKTT) phambi kwekomiti yophando yasePalamente ephanda izityholo zorhwaphilizo kwinkqubo yobulungisa.
Olu phando lulandela izityholo ezenziwe nguMkomishinala wamaPolisa aKwaZulu-Natal, uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi ngethuba ethetha noonondaba ngomhla wesithandathu kweyeKhala nalapho ebebhentsise indlela amaqela ezaphuli mthetho zingene emapoliseni nakwinkqubo yobulungisa.
Oku kwaba kwiinyanga emva kokuba uMchunu ekhuphe umyalelo kuMkomishinala kaZwelonke uFannie Masemola ngomhla wama31 kweyoMnga ka2024 ukuba ayichithe ngokukhawuleza iPKTT, awayeyibone sele ingasafuneki.
UMchunu unomsebenzi omkhulu wokuphikisa obunye ubungqina obenziwe kolu phando, ubukhulu becala bubonisa ukuba akanalo igunya lokuchitha iPKTT.
Enikela ubungqina phambi kwekomiti yethutyana kwiveki ephelileyo, uMkhwanazi uthe iPKTT yasekwa emva kokuba abaphathi bamapolisa benikwe umyalelo yi-Inter-Ministerial-Committee (IMC) ukuba beze nesicwangciso sokuphanda ukubulawa kwabantu bezopolitiko.
Wayethe iPKTT yayiphendula kuMasemola owayephendula kwi-IMC.
Bobabini uMkhwanazi noMasemola baxelele le komiti ukuba uMchunu wayengenalo igunya lokulichitha iqela kwaye ugqithise ngapha kwegunya lakhe.
UMkhwanazi ude waxelela le komiti ukuba uMchunu khange athethe naye malunga nokuchithwa kwePKTT kwaye uMasemola ubange ngelithi uMchunu akazange axelelwe ngomsebenzi wegqiza, engazange ayifumane nengxelo ngomsebenzi walo.
UMkhwanazi ukwathe akakholelwa ukuba uMchunu nguye obhale lo myalelo kwaye iPalamente imisele into ekhokelele ekubeni atyikitye le leta yomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga.
Obu bungqina bukaMchunu buza kwiveki emva kokuba amapolisa egqogqe aze ahluthe izixhobo zombane eziquka iilaptop kunye neefowuni kwindlu kaSekela Mkomishinala wamaPolisa osamisiweyo uShadrack Sibiya kunye neflethi yomphathi wabasebenzi kaMchunu uCedrick Nkabinde.
Eli qela lamiswa kwisango lendlu ahlala kuyo uMchunu laza lathintelwa ngamapolisa abonelela ngeenkonzo zokugada apho, nto leyo eyabangela ukuba amagqwetha oMphathiswa abhalele le komiti.
Bathi uMkhwanazi uthi unabo ubungqina bezenzo ezigwenxa zikaMchunu kwaye bazichaza izenzo zePKTT 'njengezoyikiso kunye nephulo elilungiselelwe ukuxhasa izityholo zikaMkhwanazi.'