Indoda yaseMqhekezweni igwetywe ubomi ingaphakathi ejele.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
USiphelele Mtshotshweni waseMqhekezweni eMthatha ugwetywe yiNkundla yaseBhityi ubomi emva kokuba imfumene enetyala lokuphindaphinda edlwengula umama onamashumi amathandathu (60) emdlwengulela emzini wakhe.
UMtshotshweni (30), wakwenza oku phakathi kwenyanga yeThupha neyeNkanga ngonyaka ka2022.
Ingxelo ithi, waqhekeza emzini walo mama (60), ngethuba wayelele nabazukulwana bakhe abathathu ababephakathi kweminyaka emibini (2) ukuya kwemithandathandu (6).
Ingxelo yeNPA ithi, ekungeneni kwakhe umrhanelwa wangqala kwiglowubhu ekhanyisileyo wayophula kuba engafuni ukubonwa emva koko wangqala ngqo ebhedini ekhulula lo mama (60) wamdlwengula.
Ityala laye lavulwa kodwa ixhoba zange likwazi ukumchana umrhanelwa. Kwiinyanga ezintathu zingaphelanga, uMtshotshweni waphuma waqhekeza kwakhona kulo mzi wapha wadlwengula nekulapho lo mama wazama ukuzilwela kodwa woyisakala ngenxa yempilo. Umama wadlwengulwa kwakhona wabe ekrazukelelwe impahla yakhe ikrazulwa ngemela nguMtshotshweni.
Ngo2023, uMtshotshweni wabhaqwa ngencindi emva kokuba edlwengule omnye umama kwakule lali.
Ngethuba kuqhuba ityala likaMtshotshweni, wathi akanalo ityala kuwo onke amatyala abekwa wona esithi kuzo zonke ezi zehlo wayekowabo ehleli nomama wakhe.
Nangona ke waphela esoyisakala ngenxa yobungqina obavezwa yinkundla babe bukhomba kuye.
INPA iyasamkela esi sigwebo nalapho ithi iyakuba sisifundo nakwabo bathe gqolo ukuhlukumeza amanina ekuhlaleni. Ithi izimisele ukususa abenzi bobubi phakathi kwabantu.