Iindaba

Iseziseleni indoda ekrwitshe yabulala unoteksi waseBhityi ngomtya wesihlangu!

Abongile Ginya|Published

Ubanjiwe okrwitshe wabulala indoda eBhityi.

Image: iStock

Yindoda yakuSakhela eBhityi ekhubazekileyo etyholwa ngokubulala indoda ebhaqwe sele ibhubhile ingaphakathi kwimoto eyiToyota Quantum ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.

Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo ithi umrhanelwa (37) ubanjwe emini kwangoLwesihlanu malunga netyala lokubulala neseziseleni apho ilindele usuku lwayo lokuvela phabi koMantyi waseBhityi.

Ingxelo kaCaptain Matyolo ithi esi sehlo senzeke ngoLwesihlanu ngethuba kubhiyozwa emtshatweni labe ixhoba (45) lilele kwiQuantum yalo kuba linxilile ngethuba umrhanelwa (37) efika elikwritsha ngomtya wesihlangu de labhubha ixhoba.

Ngokophando olwenziweyo lukhokelele ekubhaqweni kwezinto zexhoba kumrhanelwa nathe unobangela wokuba abulale ixhoba kukuba ebeziphindezela kuba ixhoba lalikhe lamhlaba ngaphambili kodwa wasinda yena.

Umrhanelwa (37) akakwazi ukuthetha ngomlomo ukwazi ukusebenzisa izandla kuphela. Ulindeleke ukuba avele phambi koMantyi ngokoncedo lwetolika yezandla (sign language interpreter) kungekulala. Umrhanelwa ubekwe ityala lokubulala.