Iindaba

Iforam yaseMdantsane ixhaswe ngezixhobo zokuncedisana nayo

Abongile Ginya|Published

Amanye amalungu eCPF aseMdantsane axhamle kwinkxaso ngeenjongo zokukhuthazwa kumsebenzi wayo.

Image: UTHUNYELWE

Zilikhulu izixhobo ezinikezelwe kwiforam (CPF) yaseMdantsane ezoncedisana nazo kumsebenzi omhle eziwenzayo ekuhlaleni.

USihlalo weCPF eMdantsane, uDaliwonga Ndinisa, ethetha kulo msitho, uqale ngokubulela intsebenziswano phakathi kwabo kwakunye namaPolisa. UNdinisa uthi akayazi indlela angayichaza ngayo uhlobo abazivuyela ngazo ezi zixhobo.

Uthi baza kubonakala nangakumbi ukulwa ulwaphulomthetho. ICPF, ibonelelwe liSebe loKhuseleko libambisene nenkampani uCoca Cola. Umsitho ububanjelwe kwisikhululo samaPolisa eMdantsane.

USihlalo weCPF eMdantsane uDaliwonga Ndinisa ebambe umboko.

Image: UTHUNYELWE

Amalungu eCPF, amaGosa asesiPoliseni kwakunye nabaphuma kwaCoca Cola.

Image: UTHUNYELWE