Bahlanu ababanjiweyo abarhanelwa kwakhululwa wamnye kuba eselula ngokweminyaka malunga nokuxhwila imoto eSoweto on Sea eGqeberha.
Image: IOL
Baphakathi kweshumi elinesithandathu (16) ukuya kumashumi amabini ananye (21) abarhanelwa abahlanu (5) ababanjiweyo emva kokuba kufunyenwe imoto eyiToyota Avanza ebeyixhwilile nefunyenwe inompu oneembumbulu kwakunye neefowuni ebezixhwiliwe nazo.
Ingxelo kaCaptain Sandra Janse Van Ressnbueg ithi, le Avanza, nebixhwilwe eSamora, eSoweto on Sea, eGqeberha, ngeCawe, iye yachazwa kwisikhululo samaPolisa saKwazakhele kwangoko neye yafunyanwa nayo kwangoko babanjwa abarhanelwa bobahlanu ebebengaphakathi.
UJanse Van Renburg uthi abavalelweyo abarhanelwa bane (4), owesihlanu umrhanelwa (16) nongekabikho kwilungelo lokubaseziseleni unikelwe kusapho lwakhe kwaye uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseNerina House ngoLwesihanu umhla we17.
Abane abarhanelwa (4) baza kuvela eNew Brighton ingaphelanga le veki. Babekwe ityala lokuxhwila imoto babekwa netyala lokuba nompu neembumbulu kwanokuba neefowuni ezibiweyo.