Iindaba

Kufuniswa ngezihlobo zikaNoluthando Siko waseRhini

Abongile Ginya|Published

Kufuniswa ngezihlobo zikaNoluthando Portia Siko waseRhini.

Image: SAPS

AmaPolisa aseNemato ePort Alfred afunisa ngezihlobo zowasetyhini ogama linguNoluthando Portia Siko (46) osemfanekisweni nekukholelwa ukuba wayesuka eRhini ukuze abeseNemato.

UCaptain Marius McCarthy uthi babongoza kuye nabani na onokuncedisana nabo onokuba nolwazi ngezihlobo zikaSiko bancedisane nabo.

UMcCarthy uthi lowo unolwazi okanye usisihlobo sikaSiko uyabongozwa ukuba atsalele uDetective Constable Mbali ku072 730 0839 okanye ku08600 10111.