USekela Sihlalo weSANTACO eMpuma Koloni uMxhosa Sobazile ethetha noonondaba ngoLwesine eOrient eMonti emva kwendibano yabo malunga nezidlumzi ekuquka ukungabhatalwa kwabaqhubi abathutha abantwana besikolo.
Image: ABONGILE GINYA
Baza kudibana kwisithebe sengxoxo ngoLwesibini iSANTACO norhulumente wephondo apho baza kuva khona ngesigqibo malunga nesisombululo kwizikhalo eziliqela eziphakanyiswe yiSANTACO nezidale ukuba bangathuthwa abantwana ngentsasa yangoMvulo.
USekela Sihlalo weSANTACO eMpuma Koloni, uMxhosa Sobazile, uthi isigqibo sabo sisamile ukuba akude kubhatalwe mali yokuthutha abantwana bezikolo (scholar transport) akukho mntwana uza kuthuthwa nangoLwesibini de kube kanti kubhatalwa abantu imali yabo.
USobazile uthe: "Ukude nongomso, ukuba bekukhathalwa ngurhulumente wethu bekufanele ukuba indibano siyibizelwa namhlanje [ngoMvulo] ukuze abantwana baye ezikolweni nanjengoko eli ilixesha lokulungiselela ukubhala kwabantwana.
"Njengoko benditshilo nangoLwesine, nathi singabazali sinabantwana kwaye sifuna izinga lingabisehla lokupasa kwabantwana. Urhulumente makabhatale abantu imali, abantwana babuyele esikolweni. Sele izinyanga," utshilo uSobazile.
ISebe lezoThutho eMpuma Koloni lithi liphantsi phezulu ukuqinisekisa ukuba ngoLwesibini uthutho lwabantwana luyaqala, nanjengoko abantwana beshiyeke ngentseni yangoMvulo bengenanto yokukhwela njengoko bexhomekeke kurhulumente.
Isithethi seSebe u-Unathi Bonqose uthi intlungu yabaqhubi bayiqonda ngqo kwaye ikwayintlungu yabo nabo beliSebe nanjengoko bekufuna ukuhlawula ngokukhawuleza.
"Zikhona izinto eziye zikhokelele ekulibazisekeni kuquka nobuxhakaxha bale mihla. Siyafuna ukuba qinisekisa abaqhubi nabahlali ukuba iintsiba zokuhlawula zikhona koko sifuna ukukhangela indlela yokukhawulezisa ezo ntlawulo," utshilo uBinqose.
Urhulumente wephondo usigxeke kabukhali esi sigqibo sokungasebenzi koonoteksi ngoMvulo. INkulubaphathiswa uLubabalo Oscar Mabuyane uthi esi sigqibo sokurhoxisa iinkonzo zokuthutha abafundi siyaxhalabisa kuba sibeka emngciphekweni inkqubo yokufunda nokufundisa kuquka abafundi bakaGrade 12 ekungasekudalanga ukuba babhale iimviwo zabo zokugqibela. Kodwa kunjalo, uMabuyane uyamkele inkxalabo yoonoteksi malunga nentlawulo ethe yasilela nothe waqinisekisa ukuba sele ethethana nabo bachaphazelekayo ukusombulula le nyewe.
Ezinye zezikhalo zoonoteksi ngumyinge ka6% wokunyuselwa kwabo abathenjiswa kudala ngurulumente, okunye ukuthotywa kweekhilomitha kungadlulwanga kubo kwanokungabhatalwa into engapha kweenyanga ezintathu ukonyuka kwemali yokuthuthwa kwabantwana.
ISANTACO ithi iyayazi ukuba bakhona oonoteksi abathuthileyo abantwana kusasa ngoMvulo kwezinye zezithili zephondo.