UPaul Biya obenguMongameli waseCameroon iminyaka engaphezu kwamashumi amane ongomnye wabagqatswa bobuMongameli.
Image: Les Echos
UPaul Biya waseCameroon, eyona nkokeli indala kwihlabathi eneminyaka engama92, uxhuzule imikhala iminyaka engama43 kweli lizwe.
Engonelisekanga koku, uBiya ufuna ukungena kwisikhundla sokuba nguMongameli okwesibhozo kunyulo lwangeCawe.
Ukuba uphumelele, kwaye unikwa eminye iminyaka esixhenxe kulawulo, uyakuba neenyanga nje ezimbalwa ezishekileyo afince iminyaka elikhulu (100) xa buphela ubumongameli bakhe.