UKelly Khumalo ukhala ngooyise babantwana bakhe abangafuni ukondla.
Image: Facebook
Imvumi eyaziwayo nenelizwi elimyoli uKelly Khumalo uthi uzikhulisele nzima abakhe abantwana engafumani nkxaso kootata babantwana bakhe nathi usakhalela uSenzo Meyiwa awayengutata emnika kangangoko inkxaso.
UKelly nongumama wabantwana abathathu umntwana ngamnye unotata wakhe, owokuqala umntwana utatawakhe ngowaziwayo uMolemo Maarohanye nowaziwa ngelika ‘JubJub’ uthi oyena tata womntwana kubantwana bakhe asamkhalelayo ngowayesakuba ngumdlali weqela lebhola ekhatywayo iOrlando Prirates kwakunye neBafana Bafana uSenzo Meyiwa.
UKelly ukuthethe oku kwipodcast L-Tidos ngoLwesithathu kule veki ngethuba enodliwanondlebe.“Zange ndafumana kwankxaso kwabanye nditsho nemali le. Akukhoyabo ngaphandle kukaMeyiwa. Ukuba ebekhona, ndithembe ngesibambisene kwaye ethathe lonke uxanduva. USenzo wayehlukile kunaba babini bakhoyo Ootatam.”utshilo uKelly Khumalo.
UKelly kolu dliwanondlebe ukwathe udiniwe kukubuzwa into enye ngokufa kuka Senzo eleke dliwanondlebe alwenzayo kumajelo eendaba sukela kule minyaka ilishumi elinesine (14).
Lemvumi iqhube yathi yazila, yaphila kwaye yaqhubekeka nobomi.Uthi ngunyaka weshumi elinanye (14) wabhubhayo uSenzo kwaye ingengo Senzo yedwa owabhubhayo osondeleyo kuye nezihlobo zakhe uKelly emva koSenzo ezisondele kuye uthi zabhubha kwaye wazila, waqhubekeka nobomi.
Uzengezenge wetyala lokubulawa kula Senzo usaqhuba kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli.Udliwanondlebe olupheleleyo ungayokuzimamelela kuL-Tido podcast.