Iindaba

Kufuniswa ngexhegwazana laseXhorha elinenyanga ladukayo!

Abongile Ginya|Published

Nomutile ugqiba inyanga eneveki engaziwa apho akhoyo, kubongozwa intsebenziswano ngamaPolisa aseMqanduli

Image: SAPS

Lixhwegazana laseMazamnyama kuMpame eXhorha esele kuphela inyanga linyamalele kwaye amaPolisa abongoza intsebenziswano kuluntu lifunyanwe.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi, UNomutile Ndlelani (85) ugqityelwe kwinyanga ezimbini ezidlulileyo umhla wama25 kwinyanga kaAgasti kwakukusasa eyokutyelela izizalwane zakhe ezikwilali ezikufutshane.

Ixhewukazi laye layokuchazwa nje ngelilahlekileyo emapoliseni ngosuku olulandelayo emva kokuba lingazange lifike ekhaya. Ugqogqo laye laqaliswa kodwa AmaPolisa abuya nelize.

AmaPolisa akuKwaaiman phantsi koMqanduli abongoza nabani na onokubanolwazi ngomakhulu atsalele uDetective Warrant Officer Ntshodo ku0799141966 kungenjalo ku0860010111.