Kubanjwe abarhanelwa ababini omnye wakhululwa ngokoyanyaniswa kokubiwa kwezi nkomo
Image: SAPS
Ngabarhanelwa ababini abavele phambi koMantyi enkundleni yaseNgcobo izolo (Lwesithathu) abajongene nezityholo zokufunyanwa benemfuyo ebiweyo nexabisa imali engapha kweR150 000.
Aba barhanelwa, abaphakathi kweminyaka eyi34 neyi41 ubudala, babanjwe ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo emva kwentsimbi yesibini emini.
Ngokwengxelo kaCaptain Yolisa Mgolodela ithi amaPolisa aseNgcobo afumene ingxelo ethi kukho ibhaki yakwa-Isuzu ekukholelwa ukuba inemfuyo ebiweyo nangona lingachazwanga inani lazo. Enye ibhaki iyokubhaqwa ngasehlathini elikufutshane apho ibifihlwe khona.
UMgolodela uthi ngethuba bevela okokuqala izolo abarhanelwa, omnye kubo uye wakhululwa ngenxa yobungqina obungamrhintyeliyo etyaleni. Owesibini oshiyeke ngaphakathi eziseleni umrhanelwa kwaye kulindeleke ukuba avele ngoLwesithathu kwiveki ezayo naza kube efaka isicelo sebheyile kuyo.
UNjengele uRudolph Adolph uqhwabele izandla amaPolisa aseNgcobo ngokukhawuleza kwawo nangokuzimisela emsebenzini wawo wokulwa ulwaphulomthetho.