Iindaba

Abosapho olunye babhubhe kwingozi emasikizi eMonti!

Abongile Ginya|Published

Kubhubhe abantu abane kukho nabantwana ababini nekukholelwa ukuba ngabosapho olunye ngaseHemmingways ngoLwesithathu emva kwemini

Image: DoTEC

Usindile umqhubi omnye ogilwwe yiHonda esube imiphefumlo emine nebisuka ngaseQonce

Image: DoTEC

Isebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni lidize ingxelo ngengozi emasikizi esube imiphefumlo yabantu abane (4) nekukholelwa ukuba ngamalungu bosapho olunye.

Le ngozi yenzeke kuhola uN2 phakathi kweAmalinda neHemmingwaysMall isenzeka emva kwentsimbi yesihlanu emva kwemini izolo uLwesithathu.

Isisthethi seSebe, uUnathi Bonqose uthe abane ababhubhileyo bebekwimoto eyiHonda besuka ngaseQonce ngethuba imoto yabo iphulukana nolawulo yayokungquba imoto eyiToyota Starlet .

KwiHonda ngabantu ababini abadala, indoda nowasetyhini kwakunye nabantwana ababini nabaye bonke babhubha kwindawo leyo yexhwayelo.

UBinqose uthe umqhubi weToyota Starlet ufumene umonzakalo kwaye ufumana unyango esibhedlele.

Isebe liza kwenza uphando ngokubangele ingozi.