Inkokheli yeEFF iphuma kwiinkundla zamatyala eMonti isiya eqongeni kubalandeli bakhe emva kokufunyanwa enetyala ngumantyi uOlivier.
Image: ABONGILE GINYA
Inkokheli ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, udize ukuba ayoyiki nakancinci ukuya ejele. Ukuthethe oku kubalandeli bakhe ngaphandle kwenkundla eMonti izolo (ngoLwesithathu) emva kokufunyanwa kwakhe enetyala lokophula imithetho yokuphatha imipu.
UMalema uthe kwacaca kwa kudala ukuba kuliwa yena kweli tyala kuba uAdriaan Synman owamnika umpu eSisa Dukashe Stadium ufunyenwe engenalo ityala kumatyala awabekwa kubo liGunyabantu lezoTshutshiso.
Uthe kungoko esithi into ibikhombe kuye, hayi Synaman. UMalema wakilwa yiAfriForum emva kokubonakala evidweni edubula phezulu ngompu endaweni eyayinabantu abaninzi. Oku kwenzeka eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane - apho kwakubanjelwe khona umsitho we-EFF ngo2018.
Inkokheli yombutho weEFF uJulius Malema eseqongeni phambi kwenkundla yaseMonti nofunyenwe enetyala, apha ebulela inkxaso kubalandeli bakhe ngoLwesithathu.
Image: ABONGILE GINYA
"La nkosikazi inobuhlanga futhi ayikwazi nokufunda into ebhaliweyo. Oyena mntu ibimfuna ibindim kakade kuba izicengezelela kwiAfriForum nakuDonald Trump. Apha asizukulwa ityala ngoku siza kulwa ubuhlanga," utshilo uMalema.
UMalema uza kubuyela kwakhona kwinkundla yaseMonti ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yokuqala kunyaka ka2026. Ngaloo mhla, uza kube enikwa isigwebo esipheleleyo setyala afunyenwe enalo.
Le nkokheli ithe asobe iphele amandla kuba uza kubhena netyala eli lakuphathwa ligqwetha elaziwayo, uAdv. Thembeka Ngcukayitobi, kunyaka ozayo.
UMantyi uTwanette Olivier, othathe iintsuku ezintathu ewisa isisgqibo enkundleni, ubalule izizathu ezibangele amfumane enetyala uMalema uthe kukuba uphendule imibuzo ngendlela engafanelekanga ngethuba lokuxoxwa kwetyala lakhe.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthe ityala belimalunga nokubonakalisa ukubaluleka kwengalo yomthetho ukuze abantu bangabonakali bengaphezulu komtetho xa bewophule.
Abalandeli be-EFF abaphume kumasebe onke aseMpuma Koloni babonakalise ukungonwabi ziziphumo zikaMantyi zeli. UMalema uyibulele kakhulu inkxaso ayinikwe ngabalandeli bakhe.