EQONGENI: Ekuqaleni nguNobhala Jikelele wombutho uMarshall Dlamini, othethayo nguCIC Julius Malema kwakunye noSekela Jikelele wombutho uGodrich Gardee phambi kwenkundla eMonti ngoLwesibini.
Image: ABONGILE GINYA
IEconomic Freedom Fighter (EFF) ithi umantyi ubamoshela ixesha ngulo zengezenge wetyala othathe iminyaka esixhenxe nekwatyhola ngelithi eli tyala liphekwa lupolitiko kodwa ithi ayizukudinwa iza kubuyela kwakhona kwinkundla kusasa ngoLwesithathu ukuyokuxhasa inkokheli yabo uJulius Malema.
Eli tyala beliqhuba usuku lwesibini namhlanje, uLwesibini, kwiiNkundla zamaTyala eMonti apho uMalema kwakunye nowayesakuba ngunogada wakhe uAdriaan Synman bajongene netyala lokudubulula umpu phezulu eSisa Dukashe eMdantsane ngo2018 xa lo mbutho wawubhiyozela ukugqiba iminyaka emihlanu usekiwe ngoko.
UNobhala Jikelele weEFF, uMarshall Dlamini, nanamhlanje uphindile esithi akukho tyala apha koko bamoshelwa ixesha uCIC wabo uxakekile zizinto zelizwe ekufanela ukuba zenziwe. Uthi umantyi oko wathetha into enye le minyaka isixhenxe akukho nto intsha. Watsho esithi makade atsho isigqibo umantyi kuba bakulungele oko.
"Umantyi uthe ulilungele eli tyala, kodwa silapha iintsuku ezimbini engazazi ukuba wenzantoni umantyi xa efunda amaphepha wakhe naye ayambida okongathi ngumntu lo unxilileyo. Ityala lethu liphethwe linxila lomfazi," utshilo uDlamini.
UMalema ubenalo ithuba lokubulisa nelokubulela kulo nginginya yabalandeli bombutho emva kwentsimbi yesine ephuma ngaphakathi enkundleni. UMalema uthembise ngokuthetha xa kuphume isigqibo nathi ephumelele engaphumelelanga uza kuthetha.
USekela wombutho kuzwelonke uGardee Godrich namanye amalungu aphezulu alo mbutho ebekhona.
Kubongozwe ooceba beeWadi zonke zaseMpuma Koloni zikhuphe abantu ngobuninzi babo kusasa ukuyokuxhasa uMalema.