Iindaba

Abahlali baseKhayelitsha abebeqhankqalazela iingxaki zombane bahlasele ikliniki

Mandilakhe Tshwete|Published

Abahlali baseKhayelitsha abanomsindo bagqibe kwelokuba batshise ikliniki yaseTown Two nanjengoko bebefuna ukudibanisa umbane ophuma kwitransfoma yale kliniki.

Image: Ayanda Ndamane / Independent Media

Umasipala waseKapa ulukhalimele kabukhali uhlaselo kwikliniki yasekuhlaleni, nalapho abahlali baseTown Two eKhayelitsha bezame ukuyitshisa.

Kuqhankqalazo lokunqongophala kombane okuqhubekekayo, aba bahlali bakhuphele umsindo ngokonakalisa ikliniki yasekuhlaleni, batshisa igumbi ngelizama ukwenza ukuba ingxaki yabo ihoywe.

Ngokutsho kukaceba wale wadi, uThando Pimpi, abahlali basematyotyombeni badibanise umbane kwitransfoma ngokungekho mthethweni, nethe kamva yaqhushumba.

"Bebefuna ukuya ekliniki apho kukho enye itransfoma, sikwazile ukuthetha nabo ngoLwesithathu, sabacela ukuba bayeke, sabalumkisa ukuba bangafuni ukuziswa kweenkonzo ngolo hlobo.

"Sikwalungiselele idinga kunye nabathathi-nxaxheba abafanelekileyo ukuze sixoxe ngendlela esinokubanceda ngayo abantu basekuhlaleni.

"Andikhange ndilale ngobusuku bangoLwesibini kuba abantu bebendigrogrisile ngokutshisa indlu yam, kodwa khange benze nto, kwaye imeko isemaxongo. Akukho mntu usele ebanjiwe; abanye abantu bachongiwe."

Isebe lezempilo kumasipala waseKapa lithe: "Ulwazi okwangoku lubonisa ukuba iqela labaqhankqalazi batshise indawo ethile yekliniki ngorhatya lwangoMvulo. Igumbi lenkunkuma langaphandle liye lachaphazeleka, kodwa ikliniki isahleli injalo.

"Eli qela liphinde lonakalisa isango leemoto ngoku lalingena ngaphakathi kunye netransformer yakwaEskom kwisakhiwo, nto leyo eshiye ikliniki ingenambane.

“Abaqhankqalazi batshise amatayara ngaphandle kwamasango kwakhona ngoLwesibini ngokuhlwa, umhla wama23 kweyoMsintsi. ISebe lezeMpilo likaMasipala liqalise kwakhona iinkonzo ezithile ekliniki ngoLwesine, umhla wama25 kweyoMsintsi.

"Simema nabani na onolwazi malunga nokuba ngoobani abenze le nto ukuba ancede azise iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika. Kungenjalo, axele kumnxeba kamasipala osebenza iiyure ezingama24."

Isithethi samaPolisa eNtshona Koloni, uWarrant Officer Joseph Swartbooi, uthe akukho mntu ubanjiweyo njengoko bephanda ityala lokutshisa.

"Iimeko ezingqonge esi siganeko ngoku ziyinxalenye yophando lwamapolisa.

"Kuvakala ukuba oonogada bagrogriswe ngabahlali kwiziko lezempilo lasekuhlaleni ngoMvulo. Aba bahlali bazithathele ezandleni zabo izinto batshisa isakhiwo. Abarhanelwa babaleke kwindawo yexhwayelo kwaye abakabanjwa.

"Amapolisa aseMakhaza abhalise ityala lokutshisa ukuze kuqhutyekwe nophando."

Amapolisa abhenela kuye nabani na onolwazi ukuba atsalele umnxeba iCrime Stop ku08600 10111, okanye asebenzise uMySAPS ukuthumela ulwazi, umntu angakhetha ukungazivezi ukuba ungubani na.