UMphathiswa uJohn Steenhuisen wamkele ngokusesikweni abaphathiswa bezolimo beG20 eSomerset West kwintlanganiso yabaphathiswa beqela elisebenzayo lezolimo.
Image: Agriculture Department/Facebook
UMphathiswa wezoLimo uJohn Steenhuisen ugxininise imfuno yotyalo-mali kulimo lwemozulu elinobuchule olufana nembewu ekwaziyo ukumelana nembalela, ukunkcenkceshela okusebenzayo, kunye nohlalutyo lwamanzi omhlaba kwintlanganiso yabaphathiswa beG20, iMinisterial Meeting of the G20 Food Security Task Force.
USteenhuisen wenze intetho ephambili ngoLwesihlanu, esithi le ntlanganiso ijonge ukuxhasa iziphumo zeFood Security Task Force, eza kubeka izibophelelo zezopolitiko kunye nemigaqo ekwabelwana ngayo efunekayo ukuqinisa ukhuseleko lokutya kunye nesondlo kwinqanaba lehlabathi.
Uthe abaphathiswa badibene ngoLwesine phantsi kweqela lezolimo elaziwa njengeAgriculture Working Group ukuze baqhubele phambili imiba ephambili yentsebenziswano kwezolimo kunye nokwamkela isibhengezo saba baphathiswa iAgriculture Working Group Ministerial Declaration
"Ngelixa ezi zinto zimbini zahlukile, ziyahambelana, ziqinisekisa ukuba zombini iinkalo zobugcisa nezopolitiko kwezolimo kunye nokhuseleko lokutya zisonjululwa ngokupheleleyo phantsi kobongameli boMzantsi Afrika.
"Ukhuseleko lokutya luhlala lungundoqo ekuphuhlisweni koMzantsi Afrika kunye nokuzinza kwelizwekazi lethu. Kuthi, oku akuyongxoxo engabonakaliyo – imalunga nenyaniso yemihla ngemihla yokufikeleleka, kunye nesondlo kubantu bethu," utshilo.
USteenhuisen uthe uMzantsi Afrika ukwindawo yamashumi amahlanu anesithoba kwiGlobal Food Security Index, hayi ngenxa yokunqongophala kokutya, kodwa ngenxa yobuthathaka kuzinzo nokuziqhelanisa nemeko.
"KwiAfrika iphela, indlala isagqugqisile, ngabantu abangaphezu kwezigidi ezingama300 abachatshazelweyo ngo2024. Kummandla weSADC kuphela, izigidi ezingama48 zikuIntegrated Food Security Phase Classification (IPC) lwesigaba sesithathu sobunzima bokungakhuseleki kokutya.
"Nangona uMzantsi Afrika ungelilo elinye lamazwe alithoba achaphazeleke kanobom, umoya woBuntu othi, ‘Ndinjalo kuba unjalo’ usixelela ukuba oku kubandezeleka kuyasinciphisa sonke," utshilo.
Uqaqambise indlela, kweyoMsintsi, kwintlanganiso eyayiseCairo, abafikelela ngayo kwisivumelwano malunga neMigaqo yeNqanaba eliPhezulu loBuntu (Ubuntu High-Level Principles) eya kuma njengelifa loBongameli beG20 boMzantsi Afrika.
Izinto eziphambili ezikhankanyiweyo kwesi sibhengezo ziquka:
- Ukulwa nokuguquguquka kwamaxabiso okutya kunye nokunyuka kwamaxabiso okutya okuzingisileyo, okuchaphazela ngokungafanelekanga amakhaya anengeniso ephantsi;
- Utyalo-mali kubugcisa bemozulu kunye nezolimo ezikwaziyo ukumelana nembalela, kuqukwa nembewu ekwaziyo ukumelana nembalela, ukunkcenkceshela okusebenzayo, kunye nokunciphisa ilahleko emva kokuvuna;
- Ukukhuthaza iinkqubo zokutya ezibandakanyayo, ezinobulungisa, neziselubala ezomeleza ukufikelela kwamafama asakhulayo kunye nokufikelela kwamafama alusapho kwinkxaso-mali nakwiimarike;
- Ukuxhasa amanyathelo okhuseleko lwentlalo, anjengokutya ezikolweni kunye nokudluliselwa okujoliswe kuko, ukuqinisekisa isidima kunye nesondlo kuluntu olusesichengeni; kunye
- Nokuqhubela phambili usetyenziso lwezixhobo ezizinzileyo kunye nokwahluka kwezidlo, kubandakanywa ukuloba, iimbewu ezityiwayo, kunye nokutya okutyebileyo ngezondlo, ngelixa kujongwa ukuloba okungekho mthethweni, okungaxelwanga, kunye nokungalawulwayo.