Bashiyeke ngaphakathi eziseleni abarhanelwa abathathu abajongene netyala lokutshisa babulale inwenkwana eneminyaka eyi14 eNkondwane kuCentane.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amadoda amathathu, nesele ngoku ingabarhanelwa nanjengoko bejongene netyala lokutshisa babulale inkwenkwe egama linguSenzo Zwane (14) yaseNkodwana kuCentane emva kokuba bethe bayityhola ngokuba ibe imali engangeR3000, ashiyeke ngaphakathi eziseleni emva kokuba beyalelwe ibheyile ngethuba bevela phambi koMantyi ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo.
Ingxelo ithi, le nkwenkwe ibidlala ibhola ekhatywayo noogxa bayo ngomhla we12 eNkondwane ngethuba kuvela indoda ethile nekuvakala ukuba isisizalwane nefike yathatha uZwane kwakunye nenye inkwenkwe (12) ibatyhola ngobusela yayobavalela kwindlu ethile. Ingxelo ithi ona12 ngethuba bebethwa begalelwa nepetroli xa bekusithiwa mabachaze inyani uye waphunculuka wabaleka kwabe oko kukusinda kwakhe.
Ingxelo iqhuba ithi, uZwane waye wabalekiselwa kwisibhedlele saseGcuwa nowafika wathunyelwa ngokukhawuleza kwesaseMonti eFrere ngenxa yemeko eyayimbi nalapho aye wabhubhela khona ngomhla we15 kwiveki ephelileyo.
ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi abarhanelwa abayinikwanga ibheyile ngethuba bevela, baza kubuyela kwakhona ngomhla wesithandathu kwinyanga ezayo.
IKhula Community Development Project, nejongene nokulwela amanina kwakunye nabantwana eMpuma Koloni, ibongoze umthetho ekubeni idokethi lingakhe lilahleke liqhubekeke eli tyala kuba sele linazo iimpawu zokuzama ukulahlwa. Ithi iyanqanda nokuba bebebe imali engapha kwale batyholwa ngayo, ngebebiziwe basabele kungade kubekho mphefumlo uphumayo.