Iindaba

Ufaka isicelo sebheyile usisi ohlabe wabulala iPolisa laseMonti!

Abongile Ginya|Published

Inkosikazi ehlabe yabulala iPolisa laseKwenxurha ngemela iza kuvela kusasa ngoLwesibini phambi koMantyi waseMonti.

Image: IOL

Owasetyhini nogama linguZovuyo Nkohla (31) nobanjelwe ityala lokuhlaba abulale utata womntwana wakhe obenguSajini kwisikhululo samaPolisa saseKwenxurha kwicala labecuphi, uKhayalethu Soteni (40), uza kube efaka isicelo sebheyile kusasa ngoLwesibini kuMantyi waseMonti.

UNkohla uvele okokuqala ngoLwesibini kwiveki ephelileyo kwiiNkundla zamaTyala eMonti nalapho uye washiyeka ngaphakathi eziseleni kuba elindele usuku lwangomso apho aza kube efaka isicelo sebheyile.

Ukubanjwa kwakhe kuza emva kokuba ngeCawe umhla wesixhenxe kule nyanga imiyo, uNkohla wahlaba esifubeni ngemela uSoteni wabhubha kwilali yaseSoto eKwenxurha emva kwengxwabangxwaba emalunga nemali yomntwana nanjengoko esi sibini sinomntwana.

Ngokwengxelo yesithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana, ithi, ixhoba lazama ukuphuma kule ndlu babexabanela kuyo wabe enemela kuye esandleni uNkohla nowaye wabe sele elandela ixhoba walihlaba esifubeni ngayo neliye labhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.