IXHOBA: UNoxolo Siko (58) oxhaxhwe ngunyana wakhe ngocelemba kwiveki ephelileyo kwaNU2 eMdantsane, eMonti.
Image: UTHUNYELWE/KHULA COMMUNITY DEVELOPMENT
Akayinikwanga ibheyile ngethuba evela phambi koMantyi waseMdantsane ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, uLihleli Siko (33), nojongene netyala lokubulala ngokungenalusini umama wakhe omzalayo, uNoxolo Siko (58), nobenguNesi esebenza kwezinye zezibhedlele eMonti.
Ngokwengxelo, uSiko ubhaqwe ngunyana wakhe omncinci ngethuba ebuya esikolweni noye wakhala ebiza abantu emva kokubona umbono ombi.
Othethele usapho nongumtshana wexhoba, uSibongiseni Kolweni, uthe: "Sifike amathambo onke entloko ophukile, amathambo onke asebusweni ophukile entlekentleke ubuso engasafaniseki kwaye emva entloko ngapahakathi efakwe ilaphu nendikrokrela ukuba yile ndawo inengqondo kuba bekungekho thambo kwaye kunomgrobho omkhulu yabe neminwe yakhe yezandla ijinga kukuxatyelwa ngocelemba."
Omnye naye olilungu losapho, uPhumlani Nofemele, uthi imbi into ebehleleyo, uthi into epha ibingathi ayingomntu – angade athi sisilwanyana ebesisenza eli sikizi ngenxa yemeko abafike kuyiyo kugcwele negazi kwindawo yonke endlini. Uthi nangethuba becoca indlu bave ukrumkrum kanti ngamathambo kwanenyama ezishiyekileyo zexhoba.
Abahlali bala mmandla bathi bonakele ngaphakathi sesi sehlo bekwahlaba ikhwelo lokuba makudityanwe kuliwe usathana nedimoni elixakileyo, ingakumbi ngoku kusenzeka kwiintsapho.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, usikhalimele esi senzo sibuhlungu. Uthi awekho amazwi anokubonisa ngokwaneleyo intlungu nomothuko ngesi siganeko.
UFanta uthi: "Kufanele ukuba kusetyenziswane kukhalinyelwe ezi zenzo zobundlobongela, sisebenzele ukudala inkuseleko kwiindawo zethu nakwintsapho zethu. Ndihlab' ikhwelo kuluntu jikelele ngelithi iimpawu zezenzo zeGBV mazichazwe ngokukhawuleza, sonke sinoxanduva lokudlala indima kwiindawo zethu ukuze sikhusele abo sibathandayo kwaye ukuba ulixhoba khawuleza ufune uncedo nenkxaso."
OweKhula Community Development Project, uPetros Majola, uthi uluntu maluzibhence watsho naye ehlab' ikhwelo kuluntu, abazali, urhulumente neenkokheli kuqwalaselwe le meko isizwe esiNtsundu sizibhaqa sikuyo.
AmaPolisa aseMpuma Koloni athi angakuqinisekisa ukuba livuliwe ityala kwaye baphanda ngetyala lokubulala malunga nesehlo esenzeke kwaNU2 eMdantsane, eMonti. USiko uza kuvela kule veki kwakhona nalapho aza kube efaka isicelo sebheyile.
Umama uNoxolo Siko uyangcwatywa ngomhla wama20 kule mpelaveki. ULihleli Siko, nosele engumrhanelwa kwityala lokubulawa kukamama wakhe, kuthiwa ungumntu ongatshayiyo nongaseliyo kwaye unesidanga eFort Hare University nangona ebengekasebenzi.