IBurkina Faso ayizukwenza ukuba abantu abavela kumazwe aseAfrika bahlawule iVisa ukutyelela ilizwe labo.
Image: Business Traveller
IBurkina Faso ibhengeze ukuba ayisayi kuphinda ihlawulise imali yeVisa kubemi baseAfrika, kwinyathelo elijolise ekunyuseni uqhagamshelwano kunye nokhenketho.
Urhulumente waseBurkina Faso ubhengeze oku kwiveki ephelileyo, kwintlanganiso yekhabhinethi ebikhokelwa nguCaptain Ibrahim Traoré, owaxhuzula imikhala emva kobhukuqo-mbuso ngo2022. UTraoré usoloko ezichaza njengomxhasi womanyano phakathi kwamaAfrika kwaye kudala wathetha phandle ngokuchasene nefuthe lobukoloniyali.
UMphathiswa wezoKhuseleko waseBurkina Faso uMahamadou Sana uchaze ukuba iindwendwe ezivela kwamanye amazwe aseAfrika zisaza kufuneka zifake isicelo seVisa kwi-intanethi, esiza kuhlolwa ngaphambi kokuvunywa.
Urhulumente wela lizwe uthi isigqibo sokungahlawulisi imali yeVisa sibonisa ukuzibophelela kwakhe kumanyano lweAfrika kunye nentsebenziswano, kwaye siza kunceda ukukhuthaza ukhenketho, inkcubeko yabo, kunye nokuphucula ukubonakala kwelizwe kumazwe aphesheya.
Ngokweengxelo, abemi bamazwe aseNtshona Afrika banokungena eBurkina Faso ngaphandle kweVisa, nangona kunjalo, oku kunokutshintsha kwixesha elizayo njengoko iBurkina Faso, iMali kunye neNiger, zirhoxile kwiEconomic Community of West African States (ECOWAS).
Amazwe amaninzi aseAfrika azamile ukuvula imida yawo kwabanye abantu abasuka kumazwe aseAfrika kule minyaka idlulileyo. Ngelixa inkqubela ibonakala, imingeni efana neenkxalabo zokhuseleko kunye nemiqobo yolawulo isaluthintela uhambo olungenazingxaki.
Ilizwe laseBurkina Faso ngokukodwa lisalwa namaqela eJihadist, malunga ne40% yelizwe kuthiwa iphantsi kolawulo lomkhosi.