Iindaba

Abarhanelwa abane baseMdantsane abaxhwila u‘My friend’ abayinikwanga ibheyile!

Abongile Ginya|Published

Bobane abarhanelwa baseMdantsane abaxhwila ummi wasePakistan bashiyeke ngaphakathi eziseleni.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ashiyeke ngaphakathi eziseleni amadoda amane najongene netyala lokuxhwila kwanokuphanga indoda (34) yelizwe lasePakistan. Aba barhanelwa, nababanjwe ngomhla wama27 kwinyanga ephelileyo, bavele phambi koMantyi eMdantsane ngoLwesibini kule veki.

Ngokwengxelo yeeHawks ithi, ixhoba laxhwilwa ngala madoda mane (4) balifaka kumva wemoto iToyota Fortuner emhlophe bemkhombe ngompu entloko emva koko bamkhuphela kwenye imoto iToyota Avanza nengachazwanga ngombala.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi, abarhanelwa baye bafuna isixa semali kubhuti wexhoba logama besamgcinile.

UFumba uthi, ixhoba laye kakhululwa ngabarhanelwa emva kokufumana uxinzelelo kwiiHawks zisebenzisana nabanye bomthetho.

Ngethuba bebanjwa abarhanelwa kwafunyanwa imipu kwaneempahla ezithile zexhoba. 

Abarhanelwa bakwajongene kwanetyala lokuzama ukubulala igosa lomthetho ngethuba babebanjwa.

Abarhanelwa nguPhumulelo Jakuja (40), Sophumelela Devillers Mani (36), Sihle Disani (31) kwakunye noSanele Dumakude (26) nekulindeleke ukuba baphinde bavele kwakhona ngosuku olungekachazwa.

INtloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uzamkele ezi ntshukumo watsho eqinisekisa uluntu ekuhlaleni ukuba iiHawks zizimisele kangangoko ukulwa ulwaphulomthetho.