Iindaba

Icela isandla imvumi eyatshiselwa indlu kwatsha nezixhobo zokucula!

Abongile Ginya|Published

USibahle Bhozo wakuKomani owatshiselwa indlu ngo2021, ngo2022 wabhujelwa ngabantwana waphulukana nayo nemoto kwanezixhobo zokucula, uzicelela amalizo eluntwini ekubeni abuyele emculweni.

Image: Khula Community Development Project

Imvumi yomculo weGospile yakuKomani phantsi koMasipala uEnoch Mgijima, uSibahle Bhozo – othe wehlelwa zinzingo ngaxesha linye, walahlekelwa yinto yonke ngethuba kutshiswa indlu yakhe, kungaphelanga xesha lide wabhujelwa ngumntwana nangubhuti wakhe awayecula nabo, waphulukana nayo nemoto yakhe – ucela inkxaso eluntwini ngezixhobo zokucula nakholelwa ukuba angabuyela emculweni atsho aphile kuba ukucula kumphilisa umphefumlo nanjengoko kufana nobizo kuye.

UBhozo, nosele ngoku esabambe kwivenkile uNdikho Butchery nalapho ama emnyango akhwaze amaxabiso afikelelayo kule venkile ekumbindi wedolophu kuKomani, uthi utsala nzima kakhulu waqala ekuqaleni nangona nje engekabuyeli ncam ngenxa yemali angenayo.

Ethetha neli phephandaba, I'solezwe lesiXhosa, uthi lo mntu wayeyokutshisa kwakhe ngeemfefe zikamdali wafika engekho. Uthi emva kwezi ziganeko zibuhlungu zamehlela ngo2021 nango2022, kusebuhlungu kwaye uyasokola, zange kuphinde kube ngcono.

"Ndijongile nje lo mntu wayeneenjongo zokunditshisa ngemfemfe wafika ndingekho endlini. Zonke izixhobo zam ezixabisa amawaka ngamawaka okucula zatsha pha ndashiyeka ngezo zisesiqwini.

"Ngokomnqweno wam, ndirhalela ukubuyela emculweni ndibengulaa Sibahle ndandisaziwa ngomculo wam ophilisayo. Ndingavuya kakhulu xa kunobakho umntu ononcedisana nam ndibuyele emculweni kuba italente yam ndiyibona iphela kuba andinanto ndinayo, nangoku ndihlala ebhangaleni endalinikwa ngurhulumente. Ndikwabulela nale venkile ndikuyo kuba ndiyakwazi okoba ndilale ndityile kwaye ndinxibe," utshilo uBhozo.

Uqhube wathi ebeyimvumi ezizamelayo kwaye neyaziwayo ebizwa kwiindawo zonke futhi nenkxaso eyifumana eluntwini de wabe uthenga imoto ngenxa yabalandeli bakhe. UBhozo ebecula nabantwana bakhe ababini kwakunye nobhuti wakhe obesaziwa ngelikaMalume naye nongasekhoyo, amagama abo nguAphelele, Naledi kwakunye noAyanda.

Uthi emva kokutshiselwa indlu waye wabhujelwa ngumntwana wakhe wokuqala nowaye wakhala ngesisu esidumbileyo nesibuhlungu emva kwexeshana wabhujelwa ngumnakwabo lo ebesaziwa njengoMalume nowaye wabhubha ngesaquphe.

UBhozo ebesaziwa ngecwecwe elithi 'Ayeza Amabandla' nelinye elithi 'Kubuhungu ukungabinabazali'.

Oosomashishini kwanabo bakwaziyo ukufaka isandla bayabongozwa ukuba benze njalo bamzame naye akwazi ukuphila.

I'solezwe lesiXhosa eli nqaku ilithunyelelwe yiKhula Community Development Project ngeenzame zokusasaza imeko kamama ukuze akwazi ukubuyela esimeni sakhe kwaye ibengcono nempilo. IKhula Community Development Project ikwabulele nakwabo sele bekwazi ukuphakamisa umama abafana neNdikho Butchery.

Indlu ayikalungiswa eyayitshile kuba engenawo amandla okuyilungisa uBhozo.