Iindaba

UMasipala waseAmahlathi uthi akazoyamanisi nesimemelelo sokugxothwa kwabasebenzi baseTranskei

Abongile Ginya|Published

IAmahlathi ithi ayizoyamnisi nesimemelelo sokugxothwa kwabasebenzi baseTranskei.

Image: Facebook

UMasipala waseAmahlathi ozinze eCumakala uwaphikile amabango wokuqasha ngokungalandeli migaqo abasebenzi abazalelwe kwiphandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei.

Oku kuza emva kokuba uChris Magwangqana, enye yeenkokheli zaseAmahlathi phantsi kombutho Umkhonto weSizwe (MK) Party, ovakalise ukuba lo mbutho uza kubagxotha bonke abasebenzi baseAmahlathi abaphuma kwiphandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei xa uselulawulweni emva konyulo looMasipala kunyaka ozayo.

Kutshanje uMagwangqana, obefudula enguManejala kaMasipala wesithili iAmathole, ukhokele igqiza labalandeli beMK kumngcelele obusingise kwizakhiwo zaseAmahlathi. Kulo mngcelele, uMagwangqana kwividiyo eshicilelweyo uthe abasebenzi baseAmahlathi abaphuma eTranskei bangabaphambukeli abazakuphindela apho baphuma khona xa iMK iphethe kulo Masipala.

UMagwangqana ukwathe asokuze kujongwe kwanezivumelwano zengqesho xa kugxothwa aba basebenzi. Kodwa uMasipala wona, ngokomlomo kaNkosinathi Mbende, ethetha neNews24, uthe akazoyamanisi neentetho zikaMagwangqana. UMbende uthi naye nawuphi na umntu ofuna isithuba sengqesho kulo Masipala uvumelekile ukufaka isicelo, nokuba usuka kweyiphi indawo apha eMzantsi Afrika.

UMbende uthe uMzantsi Afrika lilizwe eliphantsi komgaqo siseko, yaye nabo benguMasipala benza izinto ngokuqamele kumgaqo siseko.

UMasipala wesithili iAmathole nobekhe wanguManejala kuwo okaMagwangqana unooMasipala basekuhlaleni abathandathu nekukho kubo ababini, uMnquma noMbhashe, abakwindawo eyayifudula ukwaziwa njengeTranskei.