Iindaba

UMalema uhlaba ikhwelo lokuba ziyekiswe iintengiso zotywala

Hope Ntanzi|Published

Inkokeli yeEFF uJulius Malema ubongoza ukuba zipheliswe ngokupheleleyo iintengiso zotywala eMzantsi Afrika, esithi zikhuthaza ukusela.

Image: X/@EFFSouthAfrica

Inkokeli yeEFF uJulius Malema uthi uMzantsi Afrika kufuneka ulandele umzekelo wecuba kwaye uyeke ngokupheleleyo iintengiso zotywala, esithi ezi ntengiso [zotywalo] zikhuthaza ukusela ngelixa kufihlwa ifuthe kwintlalo.

Ethetha kwinkomfa yeNigerian Bar Association’s Annual General Conference e-Enugu ngeCawe, uMalema ugxeke indlela iinkampani zotywala ezibonisa ukuselwa kotywala.

"Asifuni kubekho iintengiso zotywala eMzantsi Afrika kuba zithengisa utywala ngendlela engeyiyo.

''Kutheni kungenziwa iintengiso zotywala kusetyenziswe amanxila ukubonisa abantu ukuba utywala buzakubenza ntoni? Akunakwenzeka ukuba iintengiso zotywala zinabantu abahle elwandle. Kumele kube yimbonakaliso yokwenyani yokuba le nto iza kwenza ntoni kuwe," utshilo.

UMalema uthelekise ikhwelo lakhe kunye nesimo sangaphambili soMzantsi Afrika malunga necuba, esakhaba intengiso yecuba phantsi komthetho weTobacco Products Control Amendment Act of 1999.

"Senze okufanayo ngaphambili ngokuyekisa iintengiso zecuba eMzantsi Afrika kwaye okuza kulandela butywala," utshilo.

Intetho yakhe iza ngethuba iingcali zempilo zithe gqolo ukunyanzelisa ukulawulwa kotywala. ISouth African Medical Research Council (SAMRC) kudala ilumkisa ngelithi utywala ngoyena nobangela wobundlobongela, iingozi kunye neengxaki zempilo yoluntu.

Ngexesha leKhorona, iCovid-19 ngamanye, ngo2020, iBhunga lanika ingxelo yokuhla okumangalisayo kwabantu abamkelweyo [esibhedlele] ngethuba ukuthengiswa kotywala kwakuvaliwe okwethutyana, ikhankanya into eyamanisa ukusela kunye namatyala esibhedlele okubetha kunye neengozi zemoto.

Kuhlalutyo luka2012 olwapapashwa kwiSouth African Medical Journal, abaphandi bagqiba kwelokuba "ukuyekiswa kwentengiso yotywala lelinye lawona manyathelo anokusebenza ekunciphiseni ukusela okuyingozi," nto leyo ehambisana nempumelelo yoMzantsi Afrika ekunciphiseni ukusetyenziswa kwecuba.

Ngaphambili urhulumente wenze isindululo somthetho osayilwayo wokuthengiswa kweziselo ezinxilisayo, iControl of Marketing of Alcoholic Beverages Bill, obuzama ukunqanda ukuthengisa [utywala] kuwo onke amaqonga onxibelelwano, kodwa lo mthetho uyilwayo uye waphelela esithubeni into engaphezu kweminyaka elishumi.

Ishishini lotywala lichase ngokumandla ukuthintelwa kweentengiso zotywala.

Ngo2013, xa iKhabhinethi iqala ukubonakalisa iinjongo zayo zokuqiniswa komthetho omayelana neentengiso zotywala, umbutho weSouth African Liquor Brandowners Association (SALBA) walumkisa ngelithi isithintelo siya kulimaza uqoqosho kwaye sikhokhelele ekulahlekeni kwemisebenzi kumacandelo afana nenkxaso yezemidlalo, usasazo, neentengiso.

Kutshanje, ngo2021, usihlalo weSALBA uSibani Mngadi uthe ishishini likhetha "iinkqubo zokwazisa, ungenelelo olujoliswe ekunciphiseni umonakalo kunye nokunyanzeliswa komthetho" ngaphezu kokuyekiswa ngokupheleleyo kweentengiso zotywala. Ume ngelithi loo miqathango yentengiso iza kuba nefuthe elincinci ekusetyenzisweni kotywala kwaye inokubangela umonakalo ongenakuthetheleleka wezoqoqosho.