Iindaba

Ubuyela kwinyanga ezayo obulele inkosikazi engumtshutshisi waseGqeberha!

Abongile Ginya|Published

Umrhanelwa obandakanyeka kwityala lokubulala umtshutshisi waseGqeberha useluvalelweni elindele ukufaka isicelo sebheyile kwinyanga ezayo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Umrhanelwa ojongene netyala lokubulawa kwenkosikazi ebingumtshutshisi (42) wengingqi uvele phambi koMantyi waseGqeberha ngoMvulo. USimthembele Xungu (33) ujongene netyala lokubulala, elokuba kwiyelenqe lokubulala kwanokuba nompu ongenazimpepha. 

UXungu ushiyeke ngaphakathi eziseleni elinde umhla wesithathu kwinyanga ezayo yoMsintsi apho azakube efaka isicelo sebheyile.

Le nkosikazi yadutyulwayo nebingumtshutshisi nguTracy Brown (42). UBrown wadutyulwa ngomhla wama31 kwinyanga ephelileyo yeKhala, edutyulwa ngabarhanelwa abane phambi kwekhaya lakhe naphambi kweqabane lakhe kwakunye nomntwana wabo oyintombazana noselula ngokweminyaka.

UTracy Brown ongumtshutshisi waseGqeberha owabulawayo.

Image: Women For Change/Facebook

INPA ithi emva kwesi sehlo, uXungu wabaleka wayokutshona eGoli ebaleka ingalo yomthetho.

Ingxelo iqhuba ithi kuLwesine weveki ephelileyo ngethuba abecuphi besaqhuba nophando, kwangena iindaba zokuba umrhanelwa usendlelni ebuyayo eGoli ebuyela ekhaya eGqeberha.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi emva kwezo ndaba zokuba umrhanelwa usendleleni kwaye kwavingcwa kwiindlela eziqhagamshelananyo ngenene wabhaqwa esemotweni wabanjwa umrhanelwa.

INPA iqhwabele izandla abecuphi kwakunye nabetshutshisi. Ithi iza kuqinisekisa ukuba bonke ababandakanyeka kwityala lokubulawa kukaBrown bajongana nengalo yomthetho.

INPA ikwasikhalimele nesenzo sokubulalwa kwabetshutshisi esithe gqolo ukwenzeka. Kwinyanga kaCanzibe kulo nyaka kwabulawa umtshutshisi uElona Sombulula waseBityi kude kufuphi naseMthatha, nowayesebenza kwiiNkundla zaseNgcobo.