Iindaba

Sele ineminyaka eminye imizimba engaziwayo eMthatha nekubongozwa ukuba iyokufaniswa!

Abongile Ginya|Published

Iliqela imizimba kwindawo yogcino zidumbu karhulumente eMthatha egciniweyo nengaziwayo ukuba yeyobani.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

AmaPolisa ase Mthatha abongoza kuye nabani na owalahlekelelwa lilungu lakhe losapho okanye isihlobo sakhe anxulumane nabecuphi baseMthatha Central eOld Savoy ekubeni ayokufanisa imizimba engaziwayo negcinwe kwiziko lokugcina izidumbu karhulumente. 

UCaptain Welile Matyolo uthi, iliqela imizimba yabantu engaziwayo efunyenwe kwiidolophu ezahlukeneyo neziphantsi koMasipala wesithili iO.R. Tambo ezifana noMthatha, Mqanduli, Ngqeleni, Libode, Bhityi kwakunye naseKwaaiman.

UMatyolo uthi eminye yale mizimba sele inento engapha kweminyaka emini ikweli ziko lokugcina izidumbu.

UMatyolo uthi abo balahlekelwayo kwaye bangasabaziyo abantu babo batshonaphi nabanqwenela ukuyokufanisa bangatsalela uColonel Mantyi ku082 779 7122, uColonel Miya ku082 580 9337 okanye uLieutenant Colonel Ndzamela ku082 442 0743.