Iindaba

Oonqevu baqhushumbise igaraji eMdantsane bemka nesixa semali!

Abongile Ginya|Published

Kuqhushumbiswe uShell Garage waseFort Jackson eMdantsane ekuzeni kusa ngoLwesine bemka nemali abarhanelwa.

Image: IOL

AmaPolisa aseVulindlela eMdantsane aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa abaqikelelwa kwithoba (9) ubuninzi abathe ngale ntseni yangoLwesine baqhushumbisa umatshini wemali kwigaraji iShell eseFort Jackson, eMdantsane.

Esi sehlo senzeke ekuzeni kusa emva kwentsimbi yokuqala. 

AmaPolisa athi, kuqale ngokuthi vumbu amadoda amathathu exhobe ngemipu ngethuba umsebenzi wale garaji ebesanceda umthengi obezokwetha ipetroli. 

Abarhanelwa bayalele abasebenzi ababini ekubeni bangene ngaphakathi evenkileni nabanye bayalelwa ukuba bacambalale phantsi. 

Ngethuba besacambalele njalo abasebenzi, abarhanelwa baye bavula indawo ehlala imali emva koko baqhushumbisa umatshini wemali.

UBrigadier Nobuntu Gantana, uthi abarhanelwa bemke nesixa semali esingaziwayo. Okwangoku akukabanjwa mntu ngesi sehlo.

Ingxelo ithi, kukwagrogriswe umthengi obezokwetha ipetroli kule garaji nobekhonjwe ngompu wathathelwa nefowuni yakhe.

Kuphandwa ngamatyala amane, elokuqhekeza ishishini, elokuqhekeza kuxhotywe ngesibham, ukuzama ukubulala kwanokunyhasha umthetho weziqhushumbisi.

AmaPolisa abongoza intsebenziswano eluntwini luncedisane nawo ukuze kubanjwe abarhanelwa. Ubongozwa ukuba utsalele isikhululo saseVulindlela ku0800 10111.

Kusenjalo, akukho kokuqala sisenzeka isiganeko esimila bunje, kwiveki ephelileyo umhla we12 emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, kuphangwe igaraji yaseSettlers Way eMonti ngabarhanelwa abane apho kuye kwabhubha umntu omnye obezidlulela ngethuba edutyulwa ngabarhanelwa. Aba barhanelwa baye bemka nesixa semali esingachazwanga.