Iziqhuma zokutya neempahla zendlu eziphangwe ngumnikazi wethaveni yakuGomolo eSajonisi kusomashishini ongummi wangaphandle kusasa ngoLwesibini. Kuye kwabhaqwa nemipu engenazo iimpepha kumrhanelwa.
Image: SAPS
Kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi eSajonisi ingaphelanga le veki umnikazi wethaveni eseGomolo eSajonisi, emva kokuba ephange u-'My friend’ obelayishe iziqhuma zokutya zokuthengisa. Lo mnikazi wethaveni ukwafunyenwe nemipu ekukholelwa ukuba yileyo yathathwa eRhebhu kwinyanga ephelileyo ngethuba kuxhonyiswa ze kwabulawa nomntu ongumama (55).
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi, ngoLwesibini emva kwentsimbi yeshumi kusasa, le ndoda (40) ibanjiweyo ixhomise indoda yelizwe langaphandle enevenkile kula mmandla yathatha ukutya ngethuba ibuya edolophini iyokuthenga iziqhuma zokutya zokuthengisa.
UMatyolo uthi emva kwecala ibethile intsimbi yesibini emini kwangolo suku lunye, iqela eliphum’ izandla labecuphi layibona le moto iphithizela kumbindi wedolophu eSajonisi isenokutya ibikuphange kummi wangaphandle. Emva kokumiswa, umrhanelwa wehlike wazama ukubaleka ngeenyawo.
Umrhanelwa uye wabanjwa kwabhaqwa imipu emibini engenazo impephamvume, omnye wabe inguzenzele wompu.
UMatyolo uthi uphando oluye lwenziwa nakwindlu yomrhanelwa kuye kwabhaqwa nenqwaba yeefowuni kwakunye nezihlangu zokurhuqisa (flip flops).
Le mipu ibhaqwe kwikhaya lomrhanelwa kuye kwafumaniseka ukuba yileyo yayichazwe njengebiweyo ngethuba kuqhekezwa kumzi oseRhebhu eGingqi kwinyanga ephelileyo kweyeKhala, apho kwaye kwadutyulwa inkosikazi – umyeni yena wasinda kodwa enamanxeba.
UMajor General Norman Modishana wesithili iOR Tambo uqhwabele izandla ukuzinikela kwamaPolisa nangokukhawuleza kokubanjwa komrhanelwa. UGeneral Modishana uthi iqela labecuphi lenza kangangoko ilandela umkhondo ngakubanye abarhanelwa ababandakanyekayo.