ISebe lezeMfundo eGauteng lilugxekile ubundlobongela ezikolweni.
Image: Phando Jikelo/African News Agency (ANA)
Inqununu yesikolo saseGauteng ebhinqileyo ihlatywe ngethuba izama ukunqanda umlo obuphakathi kwabafundi bezikolo ezibini ezahlukeneyo ngoMvulo.
Le milo ibiphakathi kwabafundi besikolo samabanga aphakamileyo saseWest Ridge naseHoërskool Roodepoort.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eGauteng, uMatome Chiloane, usigxekile esi sehlo.
NgokweSebe eli, lo mlo usukela kwingxwabangxwaba ebiphakathi kwabafundi ngoLwesihlanu we15 kweyeThupha, eyafotwa yaze yasasazwa kumakhasi onxibelelwano.
NgoMvulo lo mba ubusele uqatsele xa iqela labafundi baseWest Ridge kutyholwa ukuba belifuna ukuziphindezela laya eHoërskool Roodepoort nalapho lihlasele abafundi kwaye lagibisela iimoto ngamatye.
Ngoxa yayizama ukuthomalalisa le meko, inqununu yaseHoërskool Roodepoort yahlatywa yaza yabalekiselwa esibhedlele ukuze ifumane unyango. Le nqununu iye yakhululwa esibhedlele.
Abafundi abathathu baseHoërskool Roodepoort abonzakele kakhulu bafumana unyango.
ISebe liqinisekise abafundi abathandathu bakaGrade 12 (amakhwenkwe) besikolo samabanga aphakamileyo saseWest Ridge abaza kunikwa iileta zokunqunyanyiswa ngoLwesibini.
Ukunqunyanyiswa kwabo kuya kubathintelwa ekubeni baye esikolweni iintsuku ezisixhenxe logama bevela phambi kwekomiti yoluleko.
Okunye ukunqunyanyiswa kunokwenziwa njengoko inkqubo yoqinisekiso iqhubeka.
Kananjalo, iSebe liza kuthumela iqela lalo lenkxaso ngokwasengqondweni nasemphefumlweni ukuba lityelele ezi zikolo zombini.
“Ayamkelekanga kwaphela into yokuba ubundlobongela obunje bunwenwele ezikolweni zethu, apho ukhuseleko lwabafundi nootitshala ngoku lubekwe emngciphekweni. Ikhathaza nangakumbi into yokuba inqununu, kwiinzame zayo zokukhusela abafundi, yenzakaliswe ngokwenza oko.
"Asiyi kuvumela ubundlobongela nokugrogrisa ukuba kubekho ezikolweni zethu. Abasemagunyeni mabaqinisekise ukuba abenzi bobubi bajongana neziphumo ezipheleleyo zezenzo zabo. Izikolo zethu kufuneka zihlale zingamaziko okhuseleko, ukufunda, nokukhula, hayi amabala okulwa," utshilo uChiloane.
ISebe likwathethathethane neSAPS ukuxhasa izikolo zozibini ekomelezeni ukhuseleko laza lacela amapolisa ukuba enze amaphulo okugqogqa nokuthimba aye kwezi zikolo engachazanga.