Iindaba

Abayinikwanga ibheyile abathathu abazenza AmaPolisa eNIU eMthatha

Abongile Ginya|Published

Bathathu abarhanelwa abavalelwe kwizisele zaseMthatha abaxhwila indoda bezenza amaPolisa eNIU eZImbane kwinyanga ephelileyo. Owesine usakhangelwa.

Image: IOL

Baza kubuyela kwiNkundla yamaTyala yaseMthatha ngoLwesine weveki ezayo abarhanelwa abathathu, uMahlangani Manciya (51), Xolani Honiti (44) noSimzulile Sitoyiti (31), abajongene nezityholo zokuxhwila nokurhafisa abantu okanye amashishini (extortion). Aba barhanelwa bashiyeke ngaphakathi eziseleni emva kokuba beyalelwe ibheyile yile nkundla.

Oku kuza emva kokuba ngomhla we9 kwinyanga ephelileyo kweyeKhala, abarhanelwa abane bathi bangena kumzi othile kwilokishi yaseZimbane bexhobe ngemipu bebanga ngelithi makuvulwe umnyango bangamaPolisa eNIU. Ixhoba (48), nelingutata womzi lo, balinyanzelisa ukuba liphume endlini nabaye bayokulikhwelisa emotweni yabo.

UWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana weeHawks, uthi, kwangolo rhatya, usapho lwexhoba lwafumana umyalezo obayalela ngesixa semali amabasithumele kubo ukuze kukhululwe ixhoba.

UMhlakuvana uthi emva kweentsuku ezintathu lixhwiliwe ixhoba, likwazile ukuqhawula kwindlu ebeligcinwe kuyo ngabarhanelwa kuQumbu, laya kwikhaya leNkosi elikula lali labe lingonzakaliswanga. 

Emva kophando olukhawulezileyo ngabecuphi, abarhanelwa abathathu babanjwe kwiidolophu ezahlukeneyo eMthatha, Xhorha nakuQumbu.

Ingxelo iqhuba ithi, owesine umrhanelwa akakabanjwa. Aba bathathu babanjiweyo baxelana ingulo echaza eyakhe indima ayidlalileyo kwesi siganeko.

INtloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uwuqhwabele izandla umsebenzi omhle owenziwe ngoogxa bakhe ngokukhawulezisa ukubamba abarhanelwa.