Uyalelwe ibheyile umyeni yinkundla yengingqi yaseGqeberha emva kokwaphula umyalelo wokhuseleko (protection fee) awayewunikwe ngokuhlukumeza usapho lwakhe.
Image: IOL
Inkundla yengingqi yaseGqeberha isikhabile isicelo sebheyile sikaXolani Russell Majeke (56) emva kokufunyaniswa ukuba unyhashe umyalelo wenkundla wokhuseleko ixhoba nowaziwa njengomyalelo wokhuselo, iprotection order ngamanye.
UMajeke wanikwa umyalelo wokhuseleko ngomhla we11 kweyoMdumba kulo nyaka, umthintela ukuba angaphinde abeke isandla kunkosikazi wakhe nasebantwaneni.
Ingxelo ithi ngomhla wama25 kwinyanga ephelileyo kweyeKhala, uMajeke ungene egumbini labo lokulala wafika wafuna ifowuni kankosikazi ngenkani wabe emkrwitsha, emxinanisela ngedonga ekwamgrogrisa ngokuba uza kumbulala. Oku kwenzeke kwikhaya labo eParsons Hill, eGqeberha.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi inkosikazi kaMajeke, kwiafidavithi yayo yabhala ukuba woyikisela ubomi bakhe nabantwana ebala iziganeko esezenzekile zisenziwa ngumyeni wakhe phambi kwabantwana, ingakumbi xa enxilile noye abe ndlongondlongo.
Kwiafidavithi, le nkosikazi ikwabhale ukuba iyoyika kuba umyeni wakhe wazana kakhulu namaPolisa.
UMtshutshisi weNkundla yeNgingqi, uAsavela Dweba, ngethuba evela kule veki uMajeke uyikhabile ibheyile yakhe esithi uMajeke uyingozi kumfazi, kubantwana nakwiindwendwe kwaye angazama ukumoyikisa. Inkundla iye yavumelana noDweba.
UMajeke uye wafunyanwa nokuba unalo nelinye ityala analo elokuqhuba ephantsi kweempembelelo zotywala.
UMlalwuli weeNkundla kwezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uthi ukungavunywa kwesicelo sebheyile sikaMajeke kwakuthi kudlulise umyalezo ocacileyo kwiiNkundla zabo zibonwe ukuba ziwathathela ingqalelo amatyala ezenzo zokuxhatshazwa kwanokuhlukumezwa kosapho ngumntu oyintloko ebekufanele ukuba ukhusela usapho lwakhe.
UMajeke ushiyeke ngaphakathi eziseleni – kusenziwa uphando. Uza kuvela kwakhona ngomhla wesixhenxe (7) kweyoMsintsi 2025.