Kudutyulwe amadoda amabini eKingstown eGqeberha kwabhaqwa indoda enye ibulelwe inamanxeba ebusweni nasentloko kwithaveni eseWalmer.
Image: IOL
AmaPolisa aseDespatch aphanda ngetyala lokubulala kulandela ukudutyulwa kwamadoda amabini ekuseni ngoLwesine eKingstown.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Sandra Janse Van Rensburg, ithi, kufunyenwe ingxelo yodubulo olwenzeka kwisitalato iDukubana eKingstown emva kwentsimbi yokuqala ekuseni namhlanje uLwesine. AmaPolisa afike abhaqa imizimba emibini yamadoda asele ekhulile enamanxeba okudutyulwa.
UJanse Van Rensburg uthi unobangela wesi sehlo awukaziwa kwaye akukabanjwa mntu uphando luyaqhuba.
Amagama amaxhoba abhubhileyo aza kwaziswa ethubeni nanjengoko kusalindelwe ukufaniswa kwabo ziintsapho.
Onolwazi ngesi sehlo angancedisana noD/Sgt Mteteleli Ngalo amtsalele kule nombolo 082 441 7828.
Kusenjalo, amaPolisa aseWalmer aphanda ngetyala lokubulawa komfana onama25 eminyaka ubudala kwithaveni ekwilokishi yakwaG-West Walmer.
Oku kwenzeke ngoLwesithathu kule veki emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Ufunyenwe enenxeba ebusweni nasentloko.
Onolwazi angatsalela uD/WO Fanus Vermaak ku082 442 1227 okanye iCrime Stop ku08600 10111.