Iindaba

Oonoteksi baseMdantsane bathi baza kuyiphelisa nyaa eyokwaziwa ngobumdaka nobukrwada!

Abongile Ginya|Published

Abanye babanikazi beeteksi baseMpuma Koloni abaphumelele kukhuphiswano lweeteksi ezicocekileyo eSisa Dukashe eMdantsane. Aba nooteksi abaphelelanga apha bebengapha kwekhulu ubuninzi babo.

Image: Lisa Kududu

Abanikazi beeteksi abasebatsha eMpuma Koloni bazama kangangoko ukogquma imbonakalo embi yokwaziwa kwabo kakubi ngobumdaka kwanobukrwada. Aba nooteksi bathi umahluko mawubekhona kweli labo ixesha kuba lo msebenzi bakuwo ubeka ukutya etafileni kwaye wenza nenguqu kumakhaya wabo, abohlukanga kwabo basebenza eziofisini.

Oku kuza emva kokhuphiswano loonoteksi obelubanjwe kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane ngempelaveki. Kolu khuphiswano bekujongwa iiAvanza neeQuantum ezicocekileyo, ezinomfaneleko nezihonjisiweyo. Bekukwajonga i-injini yemoto, izitulo - ubuntofontofo bazo kwanamatayala azo.

Kulo unyaka, kolu khuphiswano kuphumelele phambili igqiyazana laKwaZulu-Natal elikweli shishini leeteksi nelikwaziqhubela ngokwalo iteksi yalo. Eli gqiyazana, nelizibiza njengoMasibalikhulu, belilodwa phakathi kwenginginya yamadoda.

Owaziwayo njengoMasibakhulu igqiyazana ebeliphuma eKZN nelilodwa phakathi kwamadoda lilo elize nembasa.

Image: Lisa Kundulu

Umququzeleli ophambili weImonti Taxi Stands, uSipho Gcilitshana, ethetha noonondaba eSisa Dukashe, uthe bakwazile ukuyogquma nokuyilwa le yokwaziwa njengabantu abamdaka nabangakhathaliyo, nangona bengekangeni bonke kodwa esithi iza kuphela nyaa eyokwaziwa kwabo njengabamdaka nabakrwada nabangakhathaliyo.

"Kaloku ezi teksi nezi Avanza sisebenza kuzo ekuseni ukuyokutsho ngokuhlwa kuba ziiofisi zethu, kuba sihlala kuzo imini yonke ixesha lethu silichitha kuzo, kungoko kufanela ukuba zihlala zicocekile siziphathe okweofisi. Nangona imicelimngeni isekhona kuba abanye abakangeni ncam kwaye nabantu basenayo lanto yokuba oonoteksi banobundlobongela kwaye bamdaka," utshilo uGcilitshana.

UGcilitshana uthi uyancoma kulo unyaka kuba ubuphucukile [ukhuphiswano] kwaye ungcono kunonyaka ophelileyo. Kulo unyaka, bekungenelele nabaseGoli. Kunyaka ophelileyo ibiyiNtshona Koloni kwakunye neKZN. Ukwabulele kubaxhasi bolu khuphiswano, kuquka noluntu, nanjengoko ingomnye umnyhadala otsala ulutsha lwaseMdantsane.