IMK Party ithi ayifuni ukuba yinxalenye yeGNU.
Image: Tumi Pakkies / Independent Newspapers
Eminye imibutho ephikisayo ikhetha ukuhlala kwisihlalo esiphikisayo kwaye ikhethe ukungasamkeli isimemo seANC kurhulumente wobumbano, iGNU ngamafuphi.
Umbutho ongavumanga nothethe phandle yiMK Party.
IMK Party ekhokelwa nguJacob Zuma ayizimiselanga ukuba yinxalenye yeKhabhinethi ebandakanya iDA kunye noMongameli uCyril Ramaphosa.
Nangona kunjalo, iMK Party ithe izimisele ukubamba iingxoxo neEFF kunye neANC, ngaphandle kokubandakanyeka kukaRamaphosa, ukuze kusekwe urhulumente oxhasa abantu abamnyama.
Isithethi seMK Party kuzwelonke, uNhlamulo Ndhlela, ukutsho oku esabela kwisiphakamiso seANC sokuba kongezwe eminye imibutho kwiGNU.
Isithethi seANC uMahlengi Bhengu-Motsiri akakaphenduli kwisicelo sokuba aphefumle – ubhengeze kwingxelo ekhutshwe ngomhla wesithandathu kweyeThupha ukuba intlanganiso yesiqhelo yombutho yeNational Executive Committee ebibanjwe phakathi komhla wokuqala nowesine kweyeThupha igqibe kwelokuba izothethathethana namahlakani ayo akhoyo ngoku kwiGNU ukuze kwandiswe intatho nxaxheba, "ukuqinisa ukusebenza kweGNU, kwaye ifezekise iinjongo zayo."
Nangona kunjalo, iANC ilumkise ngelithi ayizukubavumela abantu abaxhaphazayo, abangababizanga ngamagama, ukuba basebenzise iqonga leGNU ukwenze izinto ezibheke ecaleni.
Xa ebuzwa ukuba iMK Party iyasiqwalasela na isiphakamiso seANC, uNdhlela uthe: "Asinakuzimanya nabantu abanocalucalulo," utshilo.
"Ucinga ukuba singazimanya noSteenhuisen noHelen Zille ababaxelele [iANC] ngokucacileyo ukuba soze babe kwiGNU neMK Party neEFF? Ngoko ke, bangaqala phi ukusingenisa?" ubuze watsho.
Uthe umbutho wakhe awunamdla wokuzimanya neGNU.
UNdhlela uthe nangona iDA iyinxalenye karhulumente, ikwadlala indima ephikisayo ePalamente nakwiKhabhinethi.
"Sifuna iANC, ngaphandle kukaRamaphosa, iEFF, neMK Party zihlale phantsi zithethe kuba xa ujonga imbono yomgaqo-nkqubo, sonke sihambelana ngokwezinto esizifunela abantu abamnyama," utshilo uNdhlela.