Iindaba

Angafumana iR50 000 onokuza nolwazi malunga nokudlwengulwa nokubulawa kwexhewukazi kuQoboqobo

Abongile Ginya|Published

Kukhutshwe iR50 000 konokuncedisana namaPolisa malunga nokudlwengulwa kubulawe ixhewukazi lakuQoboqobo kunyaka ophelileyo.

Image: IOL

AmaPolisa aseZwelitsha afake iingxelo zokuba afuna umntu onokusebenzisana namaPolisa aze nolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni komrhanelwa okanye abarhanelwa abayanyaniswa nesenzo sokudlwengulwa kubulawe ixhewukazi lakuQoboqobo eMpuma Koloni egama lalo linguPatricia Selinah Manase (85).

Ngokwengxelo ephuma kuLt Col Siphokazi Mawisa, ithi, esi sehlo sokuhlaselwa kukaManase senzeka phakathi komhla wama25 nama26 kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo u2024 kwikhaya likaManase elingaseNonzame Garage kuQoboqobo.

Ixhewukazi eli labhaqwa ngusisi oncedisayo lisesebhedini sele libhubhile kwaye kuthathwe nezinto zakhe kuquka nefowuni.

UMawisa uthi uphando lwenziwa lusenziwa ngabecuphi abaphumizandla ngokokuhlukana kwabo kodwa akukabikho mntu ubanjiweyo kude kube ngoku.

AmaPolisa akhuphe iR50 000 ukuze lowo ubandakanyekayo adibane nengalo yomthetho.

Nabani na onokuncedisana namaPolisa ubongozwa atsalele uCaptain Mxolisi Gwarube ku040 657 4902 okanye ku072 580 0975.