Iindaba

Kufuniswa ngenkosikazi yenkampani enyamalele neemali zabantu!

Abongile Ginya|Published

UPrincess Ntshangase ekukholelwa ukuba ngowenkampani iGGC eMonti nowanyamalala neemali zabantu abebezifake kuba benethemba lenzala.

Image: EC HAWKS

IiHawks zaseMpuma Koloni zibongoza uncedo kuye nabani na onokuba nolwazi ngenkosikazi eyaziwa ngegama likaPrincess Mseleku Ntshangase. Le nkosikazi kutyholwa ukuba yazazisa ebantwini njengomlawuli wenkampani yotyalo-mali iGlobal Gold Club (GGC) eseMonti.

IiHawks zithi uNtshangase angabaluncedo kakhulu kuphando olwenziwayo.

Ngokwengxelo ephuma kuWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ithi kutyholwa ngelithi phakathi kwenyanga yeSilimela ka2011 ukuya kwinyanga yoMqungu ka2015, lo mntu wazimisela ngobuqhetseba exelela abantu ukuba iGGC yinkampani yotyalo-mali ethembakeleyo. 

Ukukhangelwa kwale nkosikazi kuza emva kwesikhalo sabantu abaninzi angamaxhoba okutyelwa imali yabo. Eli tyala laye lanikezelwa kwiiHawks ekubeni ziphande ngezi zityholo.

AmaPolisa abongoza intsebenziswano othe weva okanye wabona le nkosikazi ikumfanekiso ongentla, nothe gqolo ukuloba abantu ekubeni batyale iimali zabo, batsalele uCaptain Gedeon Smith ku071 580 2588 okanye uLieutenant Colonel Zane Johnson ku082 941 8588, kungenjalo atyelele kwisikhululo samaPolisa esikufutshane kuye uza kukhuseleka.