UMphathi weProjekthi eMpuma Koloni weFunda Wande, uFundiswa Sayo, eICC eQuigney eMonti ngethuba iSebe lezeMfundo libambisene neOxium ukubamba inkomfa yeentsuku ezimbini ejolise ekujongeni izakhono kwizikolo ezisemaphandleni.
Image: ABONGILE GINYA
Hayi bonke abantwana bakufumana kulula ukuthanda incwadi. Ukufunda ukubhala kwanokufunda incwadi sesona sakhono sibalulekileyo xa usaqala esikolweni, kodwa oko akuhlali kusiza lula. Olu phando ladizwa yiProgress in international Reading Literacy Study (PIRLS) ngo2016.
Umbutho iFunda Wande owenzelwe ukuncedisa abantwana bakwazi ukufunda ngokuqonda nokwazi ukubala ngokuqinisekileyo bengekafiki nakwiminyaka elishumi, ikungenelelo ukuncedisa ukuphuhlisa abantwana abakule minyaka nabakulo mngeni eMpuma Koloni naseNtshona Koloni.
UMphathi weProjekthi eMpuma Koloni weFunda Wande, uFundiswa Sayo, nabancedisa izikolo zaseNelson Mandela Bay, Buffalo City kwakunye neAmathole, uthi beyiFunda Wande bazama kangangoko ukuvala isikhewu kubantwana abasaqalayo esikolweni ukuze bazithande iincwadi ukuze kubelula ukubhala, ukubala kwanokufunda kwaye bazithembe futhi baqiniseke ngolwazi abalufumanayo bengekafiki kwiminyaka elishumi.
"Sinento ethi ukuba abantwana sibabambe bengekafiki nakwishumi leminyaka, baza kuthi besenyuka babe sele beqinisekile ukucazulula iingxaki abadibana nazo kwizifundo zabo njengokuye bekhula," utshilo uSayo.
Ingqokelela yeencwadi zesiXhosa zababhali abebeyinxalenye yenkomfa yeentsuku ezimbini eICC eQuigney, eMonti, ngethuba iSebe lezeMfundo libambisene neOxium, belibambe inkomfa yeentsuku ezimbini njeengongo zokujonga izakhono kwizikolo ezisemaphandleni.
Image: ABONGILE GINYA
USayo uthi basebenzisana neSebe lezeMfundo neliye ibelilo elibaxelela izikolo ezidinga ngamandla uqeqesho lweFunda Wande nanjengoko bengazikhetheli ngokunokwabo bengulo mbutho.
USayo uthi uqeqesho lwabo luqala kootitshala bezo zikolo ezithe zachongwa liSebe, babaqeqeshe iintsuku ezintlanu bebaxhobisa nangezinto abanokuzisebenzisa ekuncediseni abantwana babo ezikolweni, ukuze bakwazi ukubala nokuqonda kwanokubhala nokufunda ngokuzithemba, ngeenjongo zokuba bafike kumabanga angaphezulu sele benako ukuzithemba ngokubhala nangokubala.
IFunda Wande ithethe neli phephandaba ngethuba iSebe lezeMfundo eMpuma Koloni kwakunye neOxium libambe inkomfa eentsuku mbini eQuigney, eMonti, kujongwa ukuba kungenziwa njani unxibelelwano phakathi kwemfundo nezakhono eziqhubekayo emakhaya.
IFunda Wande kuFacebook iyafumaneka kwezo zikolo zinomdla wokuva iinkcukacha ezithe vetshe.